Lujike lwazizijwili nenyembezi ubhaptizo kulwandle iMonwabisi

Written by on 27/03/2018

Kusemisiwe ukukhangelwa komzimba wendoda emke namanzi kulwandle iMonwabisi ngenxa yamaza alephuza ngamandla. Oku kulandela isiganeko sokurhaxwa kutshone amadoda amathathu kolulwandle ngethuba kuqhutywa inkonzo yobhabhatizo libandla lama Zion iSt Pauls Apostile. Ingxelo yabezohlangulo elwandle ithi amadoda amabini afumene ingxaki ephakathi emanzini ze umntu obezihambela obone lengxaki wangena ngelizama ukuya kunceda kanti uzakurhaxwa naye asweleke. Ingxelo zithi isibini sabafana ngamalungu elibandla kwaye bebehlala emzini kamfundisi kwaye ebesele ebathatha njengabantwana bakhe nto leyo ingamphathanga kakuhle nanjengoko basweleke ezandleni zakhe. Amapolisa athi kuzakusetyenziswa inqwelontaka ijikeleze kumanxweme akufutshane nanjengoko kusenokwenzeka ukuba atyekezwe lulwandle naphina.

 

By :Unathi Tuta


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: