Ubuye nodumo usaziwayo nomakhwekhwetha kwezosasazo

Written by on 17/04/2018

Kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini anesibini exelengela iziko lokuhlala iZibonele Fm ,umnumzana uZweli Nokhatywa uthe wawongwa ngeyona mbasa ixabisekileyo ngabakwa Liberty.Kumsitho weeMbasa (Liberty awards 2018)ebezibanjelwe erhawutini ,oka Nokhatywa uthiwe jize ngembasa yokuhlonitshwa kwemisebenzi nokugcina igama lakhe lisezimbalini ngokuxhonywa kudonga lwabo bazenzele udumo nababile besoma besebenzela onomathotholo basekuhlaleni, i Hall of fame award.UNokhatywa waqala njengosebenza simahla ezinikezele kusasazo lwe Zibonele FM ngeminyaka yo 1995 kwaye ukhe waxelenga nanjengelungu lebhodi elawulayo phakathi kwezinye kwaye wenze iinkqubo ezahlukahlukeneyo .Nanamahlanje oku uSir Khatywas njengoko esaziwa usabhexesha inkqubo ephala phambili yakusasa , iBreakfast show .

Sithi halalalaala Mzondi ,halalala Zibonele FM

Tagged as

Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: