Badiniwe kukunyengezwa nokujongelwa phantsi abahlali base Site B eKhayelitsha

Written by on 20/04/2018

Reported by: Unathi Tuta

Badikwe yeyokosa abahlali kwingingqi yogobityholo ko-S esite B ekhayelitsha kukulindiswa undolinda ngumasipala wesixeko sasekapa malunga nokwakhelwa izindlu. Abahlali bathi ukusukela ngonyaka ka 2011 bebikelwa imbiba kubikw’ibuzi, bathi rhoqo kutshintsha oceba ikomiti ejongene nezindlu kwi ofisi ka sodolophu ifika ingazi nto iqale ekuqaleni. Othethela abahlali uSiphosethu Rhuqu uthi bakhe bathenjiswa ngokubekwa kwindawo yase Atlantis ze lakufika elothuba baxelelwa ukuba umhlaba lowo awukavumi, kwakuwo loonyaka banikwa iimpepha ezibachazela ukuba bazakwakhelwa kumhlaba okwa Ward  92, nalapho zange ziphumelele ezo zithembiso.

Bakwatyhola ngokuba baya kuzivela kusodolophu wabaxelela ukuba bekufanele kudala iqalile inkqubo yokwakhelwa kwabo kwa Ward 92 akanalwazi ukuba ixinge phi, usodolophu wabanikezela kowayesakuba kwikomiti kasodolophu yezindlu umnu Siyabulela Mamkeli. Kungokunje bathi balahliwe sisixeko nanjengoko kungekho nalinye igosa lesixeko elifuna ukudibana nabo kwaye bathi bavala indlela kuba besithi bafuna kusatyelwe izikhalo zabo.

Uceba wengingqi ebengekafumaneki ukwenza izwi.


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: