Bazalelwe yinj’endlini abaxwhili bezithuthi eMaccassar

Written by on 20/04/2018

Kudutyulwe kwabulawa umrhanelwa ngethuba eleqwa ngamapolisa ebexhobe efamacala ,emdubulela kwingingqi yase Mfuleni. Oku kusemva kokuphanza kwenzame zabathile zokuxhwila isithuthi eMacassar ze amaxhoba akhweba amapolisa ebedlula, asabela. Kuye kwanguqhu-saaa abarhanelwa bababeleka abasicatyana phofu beqhwesha ngesithuthi eso samaxhoba. Amapolisa elele ezithendeni zabo. Kuye kwadutyulwa umqhubi wabarhanelwa kulongxushu-ngxushu, ze kwabanjwa ominyaka engamashumi amabini anesithathu kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala. Zithande ukuxhaphaka izenzo zokuxhwilwa kwezithuthi kwingingqi ezahlukeneyo, kwaye abaqhubi bayalunyukiswa bahlale bevale iifestile kwaye bangamiseli nabani ngobusuku. Ezona ndawo zixhomisa amehlo zezo ziquka iMandela Park, Mandalay, Swartklip, Delft, Vangaurd drive, Nyanga, Langa, Phillipi nezinye.

 


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: