Kuzizijwili eSite C emva kokutshiswa kwabantu abasibhozo

Written by on 07/05/2018

Ngabantu ababini abaxinwe ngemibuzo ngamapolisa aseKhayelitsha emva kwesithwakumbe sokutshiswa kwetyotyombe okusube ubomi abantu abasibhozo ngaxeshanye .Bavuswe zizijwili zosizi xa kusayo abahlali base Taiwan eSite C ngethuba kusitsha ityotyombe. Abahlali bafike kulephuza amadangatye angasenakuncedwa, zisitsho izikhalo zabacela uncedo, babe benqatyelwe yindlela yokunceda. Ngabantu abasibhozo abatshe de imiphefumlo yayikhalala inyama kulomlilo okhohlakeleyo. Abafi ngabantu abadala abathathu, oneminyaka engama 60, 31, 27, nabantwaba abahlanu, ona 14, 9, 7, 6, 2. Ingxelo yabahlali ithi lomzi ubuziphilisa ngokuthengisa utywala kwaye kuye kwakho ingxwaba-ngxwaba nabathengi abathile ngobusuku, abaye bafunga bamunc’intupha ukuba abenjw’enjalo bona. Ingxelo yamapolisa ithi kuyacaca ukuba kugalelwe into ebangele umlilo nanjengoko bekuvutha nesanti yembala. Ngamatyotyombe amathathu athe achaphazeleka. Amapolisa aqhuba uphando.

By:Unathi Tuta

Taiwan Fires


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: