Yonakalisiwe ngabahlali abalugcwabevu ngumsindo iholo yoluntu -Khayelitsha

Written by on 20/06/2018

Utyhole umasipala wasekapa ngokurhuqa iinyawo kumbandela wokuziswa kweenkonzo eluntwini usihlalo wombutho we ANC kwibhunga lesixeko sasekapa umn.uXolani Sotashe.Uthi noxa behambisana nokuba abahlali bakhalazele inkonzo ezingekhoyo kodwa abasayi kubavumela abo bazimisele ukonalalisa izinto eziluncedo ebahlalini.uSotashe uthetha oku emva kokuba abahlali abavutha ngumsindo bethe bantumeka umlilo ze babetha ngamatye iholo yolunto enkulu eKhayelitsha ,i OR Tambo,beqhekeza iifestile.Aabahlali ebebevutha ngumsindo bathe bonakalisai-ofisi kunye namakhitshi kweli holo ,ze bathatha isikhenkcezisi , iiKhumpuyutha kunye namazinki alungiselelwe ukulungisa kwindawo ezivuzayo kweli holo.Abahlali bengingqi yoogobityholo eyaziwa ngokuba ngoo RR eSite B apha eKhayelitsha bakhala ngelithi oko balinda ukuza kukanxele ,bethenjiswa ngokufakelwa umbane kodwa de kube nanamhlanje uceba ubika imbiba abik’ibuzi.

Ngomso kulindeleke ukuba usodolophu wasekapa unksz Patricia De Lille eze ngokwakhe ukuza kuqwalasela imeko yaba bahlali.

Reported by :Unathi Tuta


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: