Intyumpa-ntyumpeka ematyaleni indoda ebikhokele uqhankqalazo eHermanus
Written by Ntebaleng Shete on 02/08/2018
Izibone isihiya intsana zayo, idada eziseleni indoda yaseZwelihle e- Hermanus kweli lekapa ngezityholo zokuphembelela ubundlobongela esidlangalalelini. Ityala lale ndod lithunyelwe kwinkundla yenqila yase Stellenbosch ukuba kuqalise utshutshiso. Inkundla kamantyi eStrand idize ukuba zikhona zonke inkcukaca ebezifuneka zeDokethi kwaye lungaqala utshutshiso ngakumrhanelwa. UGcobani Ndzongana utyholwa ngokuyalela abantu ukuba bonakalise izakhiwo batshise iivenkile besenza uqulukubhode eZwelihle ngethuba abahlali beqhankqalazela ukubeka amatyotyombe kumhlaba wabucala.
Eli lelinye lamadabi aliqela eliphondo lentshona koloni elijongene nawo, imbambano ngumhlaba wokuhlala kwabantu.
By:Nomsikhaba Bheqezi