Iindaba zesiXhosa, 12 eyeSilimela 2019

Written by on 12/06/2019

Iye yantunyekwa iBus yakwa Golden Arrow

Usihlalo wekomiti ethwaliswe uxanduva kwezothutho kwisixeko sase-Kapa umnu-Angus Mackenzie ukugxeke ngokumandla iziganeko ezithe gqolo zokuntunyekwa kweebhasi zakwa-Golden Arrow.Oku kusemva kokuntunyekwa kwebhasi yalekhampani ngalentsasa kwindlela i-Eisleben kwi-Cape Flats ngethuba kuqhutywa uqhankqalazo olungekho semthethweni.Umnu-Mackenzi uthi ayizukunyanyezelwa imeko apho abantu abangaxolanga kwimiba ethile,betshabalalisa iinkonzo ezikwalungiselelwe bona.Uthi bazakuchwetha inkonzo yesipolisa ukuba ithabathe amanyathelo akhawulezileyo okubamba abo benze oku…ANGUS…  

Kudutyulwene eSamora kule ntsasa

Kudutyulwe konzakala amalungu amathandathu ecandelo elichasene namaqela emigewu,ngethuba ekhangela abarhanelwa kwilokishi yase-Samora Machell ngoqhiza kulentsasa.Oluhlaselo luza kwisithuba seeyure emva kokuba umphathiswa wamapolisa unjengele Bheki Cele edibene kwakunye nabahlali balommandla ukushukuxa iinkxalabo zabo ezimalunga nolwaphulo-mthetho kwakunye nemiba yokhuseleko.Othethela amapolisa u-Brigadier Novela Potelwa uthi lamagosa ahlaselweyo ebeqhub’ugqogqo kummandla wamatyotyombe i-Sweet Home Farm aze abamba umrhanelwa omnye ekutyholwa ukuba unxulumene neziganeko zokubulala kutshanje e-Samora Machell.Uthi lamapolisa adutyuliwe aye angeniswa kwisibhedlele esikufuphi.    

OkaPackam ofunyeniswe ebulele umkakhe uyagwetywa namhlanje

Umbuso udandalazise ukuba ufuna isigwebo sobom ngakulowo ufunyaniswe enetyala lokubulala inkosikazi yakhe,umnu-Rob Packam.Lo ka-Packham kulindeleke ukuba agwetywe kwinkundla ephakamileyo yephondo le-Ntshona Koloni namhlanje.Kwinyanga ephelileyo,losomashishini wase-Constantia wafunyaniswa enetyala lokubulala inkosikazi yakhe u-Gill oneminyaka engama-57 ubudala.Umzimba wakhe wafunyanwa ngemva kwisithuthi esasitshe sangqungqa kufuphi nesikhululo soololiwe kummandla i-Diep River ngenyanga yo-Mdumba kunyaka ophelileyo.Ngethuba ujaji-Elize Steyn ewisa isigwebo kwinyanga ephelileyo,uvakalise ukuba ubungqina bubonise ngaphandle kwamathandabuzo ukuba umbuso uye waqinisekisa ukuba lo ka-Packam wambulala unkosikazi wakhe.  

UsiHlalo wabaqhubi iBlackheath udutyulwe phambi kwendlu yakhe izolo

Umphathiswa wezothutho kwakunye nemisebenzi yoluntu kwiphondo le-Ntshona Koloni,umnu-Bonginkosi Madikizela usigxekile isiganeko sokubulawa kosihlalo wombutho wabaqhubi zi-taxi kummandla i-Blackheath i-Malibu Taxi Association,umnu-Patrick Cosani.Udutyulwe izolo itshoba lalal’umbethe ngaphandle kwikhaya lakhe ngamadoda angaziwayo.Ukanti akekho omnye umntu ofumene umonzakalo kwesisiganeko.Umphathiswa u-Madikizela ugqithise amazwi ovelwano kusapho kwanye noogxa bakhe.Umemelele kwabo banolwazi nabanokuncedisa kuphando ukuba baqhagamshelane namapolisa..


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: