Inabeluqaqaqa Ikumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu

Written by on 14/11/2019

Aaah Zwelonke!!!

Indlu yenkosi zomthonyama kwiphondo lase Mpumakoloni iCongress of Traditional Leaders of SA iContralesa igxwale emswaneni nesizwe samaXhosa emva kokusweleka kwenkumnkani yesi sizwe ukumnkani UMpendulo Calvin  Zwelonke Sigcawu ngentsasa yanamhlanje. Usihlalo weContralesa kwelaphondo uNkosi Mwelo Nonkonyane uthi badlulisa amazwi ovelwano kusapho lwakhe nesizwe samaXhosa ngokubanzi emva kokuwa kwalo mthi mkhulu. Oka Nonkonyane umchaze njengeNkosi ebisebenza ngokuzinikela kwaye engoyiki ukuvakalisa uluvo lwakhe . Uqhube wathi unmtanegazi ubenobubele ekuthanda ukudala umnanyano kuzo zonke izizwe.Loka Nonkonyane ngethuba ethetha nentatheki zeZibonele fm ngalenjikalanga uthi bava kabuhlungu kakhulu kukudlula emhlabeni komntu ofana naye kanye ngexesha edingeka kakhulu nanjengoko ebethe gqolo ukubeka phambili abantu abazimpula zikalujaca kwela phondo. Uthi bazakulinda kusapho lwakhe ukufumana umhla wongcwabo.Loka Sigcawu usweleke eneminyaka engamashumi amahlanu ananye ubudala  ngentsasa yanamhlanje kwisibhedlela iNelson Mandela Academic kwidolophu yase Mtata emva kokuba ebengeniswe kuso izolo. Ukanti ebeyikumkani yamashumi amabini anesibini kwisizwe samaXhosa.

Sithi Aaah Zwelonke!!!

By Nomaxabiso Mgqawule


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: