Nting’aNtaka Ndini, Miss Universe 2019

Written by on 09/12/2019

Nting’aNtaka Ndini, Miss Universe 2019, Zozibini Tunzi.

Lenzwakazi imanzandonga uZozibini ibisayikuba nguMiss South Africa kulonyaka ka2019, yaze yayakukhuphiswano woonobuhle wezwelonke uyokumela uMzansi Africa, apho khona aye waphumelela khona ukuba nguMiss Universe.

uZozi waziwa kakhulu ngokuzithemba ngobuhle bakhe bokuzingca ngeenwele zakhe nangombala wakhe, uMzansi Africa wonke uyabhiyoza ubhiyozela lentombi yase Mpumakoloni ngokuthi ibeke uMzansi emanqwanqweni.

Enye into emenze waphuma bucala ngempumelelo uZozi yintetho yakhe ngexesha bekubuzwa imibuzo kukhuphiswano, ngokuphendula athi “eyonanto ifunwa ukujongwa kakhulu kukufundisa amantombazana asakhulayo ngokubaziiNkokheli ukwenzela bakwazi ukuziqhenya ngokuba ngabo banganyanzwelwa mntu ba mabazitshintshe”.

Kubonakala ngathi kusekuninzi esizokufunda kulenzwakazi, kwanabantwana abangamabhinqa abasakhulayo bazofunda lukhulu apha kulentombi yakwaTunzi.


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: