Red dot service uzokuthutha abasebenzi bezempilo

Written by on 19/05/2020

i-Red dot service izoncedana nabasebenzi kwicandelo lezempilo

Umphathiswa wezothutho kwiphondo le-Ntshona Koloni umnu u-Bonginkosi Madikizela umilisele iphulo elibizwa ngokuba yi-Red Dot Service e-Kapa. Kudizwa ukuba eliphulo libambisene norhulumente wephondo le-Ntshona Koloni ndawonye necandelo lezithuthi zikawonke-wonke. Zizithuthi zikawonke-wonke ezilikhulu ezizakuthutha abasebenzi kwicandelo lezempilo. Eliphulo livele emva kokuba abasebenzi besebe lezempilo beshiyeke bengenazithuthi zokubasa nokubabuyisa emsebenzini ngenxa yamaxesha ezisebenza ngayo ii-taxi. Loka Madikizela uthi zonke izithuthi zizakuncanyathiselwa iphepha le-red dot ukuze abakhweli bakwazi ukusiqaphela. Uthi ukusukela ngomhla wokuqala ku-June lenkonzo izakuthutha abantu abafunyenwe benentsholongwane i-Covid-19 ukuba bayokubekelwa kumacandelo abucala kwiphondo lonke.

News by Olwethu Mbotho


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: