Ziyavulwa izikolo kwinyanga ezayo

Written by on 19/05/2020

Umphathi wezemfundo uAngie Motshekga

Uthyile kwelinye iphepha umphathiswa wesebe lezemfundo esi siseko kweli uNkosikazi Angie Motshekga nanjengoko kubonakala ngathi udikwe yeyokosa kukuvalwa kwezikolo kweli ngenxa yokumiswa ngxi kwentshukumo kwinzame nzokunqanda ukunwenwa kobhubhane wentsholongwane iCovid-19.

Oku kuza emva kokuba namhlanje oka Motshekga ebhengeza uba abazali abafuna abantwana babo bazivule kunyaka olandelayo izikolo bavumelekile ukuba bangasithabatha esosigqibo ngaphandle kwamathandabuzo kodwa watsho esithi elisebe alizubambezela abanye abafundi bazokuqhubeka bezifundo.

Oka Motshekga ubhengeze ukuba zizovulwa ngomhla wokuqala kweyesilimela(June) izikolo zeli nalapho kuzakuqala kuvule abafundi bebanga lesixhenxe neleshumi elinesibini kuphela. uqhayise ngelithi zonke izigqibo zithatyathwe ngokobungqina bezenzululwazi

BY Nomaxabiso Mgqawule


Reader's opinions

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background
%d bloggers like this: