unnamed (2)

IZIMVO ZIYABETHANA EMVA KOKUTYUNJWA KOMQEQESHI WEQELE LE KAIZER CHIEFS

Athi Ngangali

 

Ziyagxalathelana izimvo neembono ezahlukeneyo zabalandeli bebhola ekhatywayo kulandela ukuchongwa komqeqeshi omtsha welinye lamaqela amakhulu kweli loMzantsi Afrika nelidlala kwinqanaba eliphezulu iDSTV Premiership iKaizer Chiefs. Izolo iqela leKaizer Chiefs libhengeze ukuchonga kwalo mqeqeshi mtsha nowayesayakuba ngumqeqeshi weqela lesizwe iBafana Bafana umnumzana Molefi Ntseki. Emva kokubhengezwa kukaNtseki njengomqeqeshi weliqela, ziye zathontelana izimvo zabalandeli kumaqonga onxebelelwano, nalapho ezinye bezincoma kodwa uninzi lwazo ziligxeka kabukhali eli nyathelo. Ukuchongwa kukaNtseki kubangele ukurhoxiswa kobesayakuba ngumqeqeshi kweli qela umnumzana Arthur Zwane, ukurhoxiswa kukaZwane kukhokelele ukuba azibone athotyelwe kwisihlalo sokuba ngusekela-mqeqeshi kaNtseki.

 

Ukanti imidlalo yeDSTV Premiership ipheleiqela leKaizer Chiefs lihleli kwindawo yesihlanu, ntoleyo eye yabangela ukungoneliseki kubalandeli beli qela yindlela elidlala ngayo kwanendlela aqeqesha ngayo uZwane. Eli qela sele iyiminyaka esibhozo ngoku liphila ngembalela yokungafumani zimbasa, nantoleyo irholis’ amehlo nangakumbi kubalandeli be ‘Gloumor Boys’ kwabo bayithandayo. Usihlalo olawulayo kweli qela, uGqirha Kaizer Motaung uthe, “ndiyavuya kakhulu kukuba uNtseki avume ukubangumqeqeshi wethu kwaye ndiyakholelwa kakhulu ukuba uzakusibeka endaweni entle njengomntu osele enamava okuqeqesha”, utshilo uMotaung. 

 

Eli qela ngoku, sele liqalisile ukutyikitya abanye abadlali kwaye bakho nabanye abadlali abalishiyileyo eli qela. Emva kokuchongwa kwakhe  umnumzana Ntseki njengomnqashi-sabhokhwe kweli qela ngethuba ethetha ubulele kubaphathi beKaizer Chiefs ngokumthemba kwanabalandeli.

 

“Ndibulela abalandeli abanethemba kum ngokunikwa kwam ithuba lokuqeqesha iqela elikhulu nelinabalandeli abaninzi kweli lizwe, ndiyathembisa ukuba ndizakwenza kangangoko ndinako ukuqinisekisa ukuba lihambela phambili nangakumbi”, utshilo uNtseki. Omnye wabalandeli beli qela usekela mongameli wombutho we-Economic freedom Fighters, umnumzana Floyd Shivambu ubhale kwiqonga lonxebelelwano uTwitter emva kokutyunjwa kukaNtseki esithi, “ingaba uNtseki unawo amava okuqeqesha kwiqoqo eliphezulu okanye utyunjwe ngokukholelwa kwabasemagunyeni kuye.”

 

Kungokunje abalandeli beli qela basathontelana bebhala kumakhasi onxibelelwano emva kwesi sibhengezo sayizolo kodwa noxa kunjalo abasemagunyeni kweli qela sele besithathile isigqibo.

 

picc

Lizibophelele ukubuyisa ixesha lokufunda isebe lemfundo eNtshona Koloni

Lusindiso Mayambela 

 

Isebe lemfundo kwiphondo leNtshona Koloni lisungule iphulo lokubuyisela ixesha lokufunda eliphulukene nalo ngexesha lokugqugqisa kobhubhane we-Covid-19. Eli sebe lithi nangona lo bhubhane efikelele esiphelweni,kodwa ifuthe lakhe lisekhona. 

 

Ebutsheni balo nyaka,eli sebe likhuphe iziphumo zovavanyo  zonyaka ophelileyo kwizifundo zezibalo nokufunda,neziye zaqinisekisa ukuba ngexesha lalo bhubhane,iziphumo zokufunda ziye zehla enkcochoyini. UMphathiswa weli sebe umnumzana David Maynier, uthi kubalulekile ukuba abafundi baqhube  kakuhle kwizifundo zezibalo nokufunda. “Asinakutsho ukuba umntwana ufumana imfundo esemgangathweni ukuba  abafundi abangaphezulu kwesiqingatha abaliphumezanga inqaku elisiseko kwizifundo zezibalo nokufunda kwibanga lokuqala (Grade 3),elesine (Grade 6) nelesixhenkxe (Grade 9)”,utshilo uMaynier. 

 

UMaynier uthi benza utyalo-mali lwe-R1.2 billion kule minyaka mithathu izayo kwinkqubo yabo yokubuyisa ixesha lokufunda abaphulukene nalo ngexesha le-Covid-19 ukuze baphucule iziphumo zokufunda,esithi oku kuzakukhokhelela kwikamva elingcono kubantwana beli phondo. Uthi le nkqubo ibonakalisa inguqu emandla kwizikolo zeli phondo. “Izikolo ezingamakhulu  amathathu anamashumi amathathu anesithathu (333) ziye zachongwa  ukuze zifumane inkxaso ngokweziphumo zazo kwizifundo ezikhankanyiweyo,ngaphezu kwezo ziliwaka elinekhulu (1 100) esele zifumana inkxaso eyongezelelekileyo kwisigaba sokuqala ukususela ngonyaka ka 2022”,utsho uMphathiswa uMaynier. 

 

Ukanti  izikolo ezintsha ezichongiweyo zizakuqwalasela abafundi abalikhulu elinamashumi amabini anesithandathu amawaka (126 000),ootitshala abangamawaka asibhozo anamakhulu alithoba namashumi asibhozo (8 980) kwakunye nabazali abangamashumi amabini anesibhozo amawaka (28 000),ukuze bathabathe inxaxheba kule nkqubo. Ukanti iinqununu zezikolo kwakunye nabafundisi-ntsapho bavakalise uchulumanco malunga neli phulo. Inqununu yesikolo samabanga aphantsi iHazendal Primary e-Athlone umnumzana Warren Rossiter wenze umbulelo kwisebe lemfundo kweli phondo ngokusingatha le nkqubo. “Sinovuyo ngokuba isebe lemfundo lisixhasa nokwenza utyalo-mali kule nkqubo”,utshilo umnumzana Rossiter.   

Unemployment-Rate

Yehlile intswelangqesho kwisixeko saseKapa.

NguNomaxabiso Mgqawule

Nangona kubhengezwe ukonyuka kwezinga lentswela-ngqesho kwilizwe loMzantsi Afrika, kodwa isixeko saseKapa sona sithi siyakhuthazeka kukwehla kwezinga lentswela-ngqesho ngomyinge wesine ekhulwini (4%) rhoqo ngonyaka.Oku kudizwe nguSodolophu wesi sixeko, umnumzana Geordin Hill-Lewis.Uqhayise ngelithi, esi sixeko sinkqenkqeza phambili ngezinga eliphantsi lentswela-ngqesho kubo bonke oomasipala kodwa uthi nangona kunjalo usemninzi umsebenzi osafanele ukweziwa ukuqinisekisa ngokuhluma koqoqosho ukuze uluntu lwesi sixeko luphume kwindlala.

Ukanti iingxelo  zamva nje zophando lokuqokelela iinkcukacha manani zekota yokuqala ukusukela kwinyanga yoMqungu neyokwindla kulo nyaka,  zibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho kwisixeko saseKapa likumyinge wamashumi amabini anesithandathu ekhulwini .

“Injongo yethu kukwenza isixeko sibeyeyona ndawo yethemba ,nangona besebaninzi abantu bangaphangeliyo, ziyasikhuthaza ezi ngxelo zokwehla kwezinga le ntswela-ngqeso kanye ngelilixa ucimi-cimi wombane uthwaxa ngamandla uqoqosho lwethu”,utshilo okaHill-Lewis.Woleke ngelithi bafuna ukwenza isixeko sibeyeyona ndawo kulula ukwenza nayo ushishini kwilizwekazi i-Afrika.

Ukanti imanyano yabasebenzi  iSouth African Federation of Trade Unions (SAFTU), ithi uqoqosho lweli lizwe luyafeda ukudala amathuba emisebenzi esisigxina. Le manyano ithi oku kubonakaliswe ziinkcukacha manani zamva nje zekota yokuqala yalo nyaka  ezibonakalisa ukonyuka kwezinga lentswela-ngqesho kweli lizwe ngomyinge wesibini ekhulwini (2%).

Le manyano ikuutsho oku kwingxelo yayo ebhaliweyo eyikhuphele amajelo eendaba, isithi nangaphambili ngethuba kuphuma iingxelo zentswela-ngqesho zekota yesine ka2022 babetshilo ukuba eli lizwe lijamelene nentlekele yentswela-ngqesho nakulo nyaka  iziphumo ziyangqinelana nentetho yabo.Iziphumo zalo nyaka zentswela- ngqesho zekota yokuqala ka2023 zibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho kweli lenyukile ukusuka ku32.7% ukuya ku32.9%

Limisele izicwangciso zokulungela ubusika isebe lophuhliso lwezentlalo entshona koloni

Lusindiso Mayambela

 

Isebe lophuhliso lwezentlalo kwiphondo leNtshona Koloni likwinyathelo lokumilisela izicwangciso zalo nanjengoko kufika ixesha lobusika ukuqinisekisa ukuba limisela imigqaliselo efanelekileyo yokuqwalasela intlekele. Eli sebe lithi, iimeko zobusika ezimandundu ziyenza maxongo intlalo yabo bahlala kwimimandla yamatyotyombe,iindawo ezisemaphandleni nasezitalatweni. Ukanti elisebe lihlabele mgama lisithi lisebenza ngokuzinikela ukuqinisekisa ukuba ziyasebenza iinkqubo zalo zokulungela ubusika kwingingqi nganye kweli phondo jikelele nanjengoko kulindeleke ukuba kugaleleke izandyondyo zemvula neemeko zengqele eqhaqhazelisa amazinyo. UMphathiswa weli sebe ephondweni unkosikazi Sharna Fernandez uthi isebe lizakusebenzisana kwakunye nezinye ii-arhente zikarhulumente ukuze kuthonyalaliswe ifuthe leentlekele kwabo bahlelelekileyo. “Nanjengoko ubusika buqalisa kweli phondo,isebe lophuhliso lwezentlalo lilungiselela ukunceda uluntu oluhlelelekileyo,oluzakufuna uncedo ngelixesha. Isebe lethu lizakusebenza ngobambiswano kwakunye nezinye ii-arhente zikarhulumente ukuze kuthonyalaliswe ifuthe leentlekele kwabo bahlelelekileyo”,utshilo uMphathiswa uFernandez.

 

Ukanti isicwangciso seli sebe siquka iinkonzo zentlalo-ntle kumaziko akhathalela abantu abangenamakhaya nangamashumi amathathu anesixhenkxe. Ezi nkonzo zijoliswe ekubeni  kudityaniswe iintsapho nobonelelo lweenkonzo zenkxaso ngokwasengqondweni. UFernandez ubongoze uluntu ukuba nalo ludlale indima yalo. 

 

“Ndikhuthaza abahlali abanakho ukuba bazibandakanye ekuncedeni abo badinga uncedo kweli xesha lasebusika,nokuba bangasebenza bengajonganga nzuzo okanye banikele kwimibutho ebhalisiweyo, engekho phantsi korhulumente kweli phondo”,utshilo umphathiswa uFernandez.

 

Kulindeleke ukuba bathwaxeke ngokumandla abo bakwimimandla yamatyotyombe ngelixesha lasebusika-Umfanekiso:Linda Menziwa

 

Kusenjalo omnye wemibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente,nonjongo zawo ikukunceda abo bahlala ematyotyombeni iSouth African Inmates Human Right Development eKhayelitsha, uyaqhuba nokunyusa ingxowa-mali yokunceda abo bangamaxhoba eemvula zasebusika neempuphuma zeemvula. Umseki walo mbutho umnumzana Linda Menziwa uthi badinga inkxaso ukuze bancede amaxhoba. “Isidingo soncedo sininzi apha ematyotyombeni,kuyanetha,kungena amanzi ngaphantsi ezindlini zabantu. Ezinye izindlu zisemingxunyeni,badinga uncedo abantu kuba urhulumente ngulo ungancediyo okanye othatha ixesha lakhe ukuze ancede. Sidinga iingubo,iimpahla nee Soup Kitchen ngeli xesha lasebusika”,utshilo uMenziwa.              

image (1)

Usothukile umqhubi webhasi emva kwengozi eyenzeke kwindlela uN2

Ibhalwe nguSanelisiwe Qayi 

 

Inkampani yeebhasi yaseKapa ejongene nokuthutha abantu abangaphezulu kwamashumi amahlanu abebesuka kwinkonzo yaseSt Aidan eLansdowne besingisa eMazantsi eKapa, ​​ithi umqhubi wayo wonzakele ngokumasikizi kwaye usenomothuko emva kwengozi ethe yasuba imiphefumlo yabantu abane ababhinqileyo nababhengezwe njengabaswelekileyo kwindawo yexhwayelo ze inkitha yabanye yonzakakala, kuhola wendlela uN2 kude kufuphi nase Swellendam kweli phondo, ngenjikalanga yangoLwesihlanu. 

 

U-Enrico Lucas ophuma kwinkonzo yeebhasi iHG Travelling uthi, uhambo luqale ngoMvulo ngethuba iqela lishiya iKapa lisiya kwindawo yokuchithela iziyunguma iCarmel Holiday eGeorge, phambi kokuba liqalise uhambo lokubuyela eKapa ngoLwesihlanu. Isithethi samapolisa eMzansi Koloni uSajini Chris Spies uthi amapolisa aseSwellendam aphanda ityala lokubulala ngokungenanjongo emva kokuba la mabhinqa mane ebhengezwe njengababhubhileyo ziinkonzo zonyango.

 

Wongeze ngelithi, “uphando malunga nale ngozi lufumanise ukuba ibhasi ebikhwele abantu abangamashumi amahlanu anesithathu ibisuka eGeorge isiya eKapa ngethuba ibhukuqa, nalapho abasetyhini abane bebhengezwe njengabaswelekileyo ngaboncedo lokuqala kwindawo yexhwayelo. Bonke abanye abonzakeleyo basiwe esibhedlele ukuze bafumane unyango oluthe kratya” 

 

Nangona kunjalo, amapolisa athi uphando lusekwinqanaba elisezantsi, kwaye unobangela wale ngozi awukaziwa ukuzakuthi ga ngoku. Ukanti inkampani ejongene nokurhuqwa kwezithuthi ezonakeleyo i-Ismail Towing ithi abantu bebothuke kanobom sesi sehlo ngethuba abasebenszi babo befika kwindawo yexhwayelo ukuya kurhuqa ibhasi. Kungoku nje ibhasi ikwindawo yokulungisa umonakalo.

 

Kusenjalo, uMphathiswa wezeMpilo ephondweni uGqirha Nomafrench Mbombo uthi iqumrhu eliphehla amandla ombane kweli uEskom likhuphe isibhedlele saseSwellendam kucwangciso lokucinywa kombane.  Wongeze ngelithi “oku kuya kunceda kakhulu iziko ekuqinisekiseni ubusuku nemini, iinkonzo zokusindisa ubomi. Ndiyabulela ngokuzinikela kunye nokuzinikela kwabasebenzi bethu bezempilo. Siza kuyijonga le meko ngocoselelo kwaye sinikezele ngohlaziyo nanjengoko luqinisekisiwe”. 

 

 

 

gbv

UGCIS uzakubamba iphulo lokulumkisa ngempatho gadalala.

Ibhalwe nguNomaxabiso Mgqawule.

Iziganeko zempatho gadalala ejoliswe ngokwesini ezigqubayo kwisithili sase Khayelitsha kwisixeko sase Kapa zibangele ukuba iziko elijongene nezonxibelelwano eburhumenteni i-Government Communication and Information Systems(GCIS) aqhube iphulo elichasene nezi ziganeko. Ngomhla wesihlanu kuCanzibe kulo nyaka  iGCIS izakubhinqa omfutshane ingena umzi nomzana komnye wemimandla yesi sithili iSite C. Oku kuqinisekiswe ngumququzeleli wezonxibelelwano kwa GCIS umnumzana Sikelela Zokufa. “UGCIS edibene nabathabathi nxaxheba baseKhayelitsha ngomhla wesihlanu kule nyanga, ukusukela ngentsimbi yesithandathu kusasa  sizakube siphaya kwisikhululo seeTaxi eSite C apho sizakuba sithetha nabakweli malunga nalo mba”,utshilo uZokufa.

Woleke  ngelithi  esinye isiganeko esibothuse kakhulu seso samva nje  sokuhlaselwa ze kundlwengulwe abantu kwisakhiwo setyalike kummandla woogob’ityholo iTaiwan  eSite C kwinyanga ephelileyo.

“Sizakuphuma apho sisingise kummandla  waseTaiwan apho besikhe sabona okanye seva kusenzeka ukuba kukhe kwehla isiganeko esisothisileyo ngexesha lempela veki ende, apho bangena baxhaphaza abantu abangoomama. Singurhulumente sakuba silapho ukuya kufundisa nokulumkisa abantu malunga nobundlobongela”.

UZokufa ubongoze abahlali ukuba nabo bancedisane  ukulwa ezi ziganeko.

Ukanti usihlalo wenqwanqwa lamapolisa asekuhlaleni iCommunity Police Forum (CPF)kummandla wase Site B  eKhayelitsha umnuzana Phindile George uvakalise ukuba nabo bazakuba beyinxalenye yeli phulo. “Siyakwamkela ukuba yinxalenye yeli phulo lika GCIS nabanye abathabathi nxaxheba kumba wokulwa lo mkhwa wempatho-galala ejoliswe ngokwesini,simemelela lonke uluntu ukuba luphakame luwulwe lomkhwa,   umntu makangalindi isiganeko sehle kuye ukuze aphakame”.Utshilo oka George.

Uqhube wabongoza uluntu ukuba luncedise  ukulwa iziganeko ezikumila kunje.

Umnumzana George ugxeke esinyevulela kabukhali isiganeko sokuhlaselwa kwabantu zizaphuli mthetho ngethuba bekwindawo yokunqula.

Ukanti ummandla wase Khayelitsha nobambe indawo yesibini kwezona lokishi  zinkulu kwilizwe jikelele uchazwe njengomnye wemimamdla phala phambili kwiziganeko zolwaphulo mthetho kwisixeko sase Kapa.

SASSA

“Kugqith’iswa usana kunina ngurhulumente kwisibonelelo sikaSASSA” – Fernandez

Ibhalwe nguNomaxabiso Mgqawule.

 

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo kwiphondo leNtshona Koloni unkosikazi Sharna Fernandez, uvakalise inkxalabo malunga nengxelo ekhutshwe  yiposi yeli loMzantsi Afrika  emalunga nenkqubo entsha yokuhlawulwa kwabaxhamli bemali yesibonelelo sikarhulumente ngaphandle kwamakhadi e-arhente uSASSA. “Ukufumana imali ngaphandle kwekhadi kubonakalisa ukuqhawuka konxibelelwano phakathi kukarhulumente kazwelonke noko kwenzekayo ezantsi ebahlalini,’’ utshilo uFernandez.

 

Ukutsho oku emva kokuba iposi yeli idize ukuba abaxhamli bemali yesibonelelo kumakhadi asele ephelelwe nalawo azakuphelelwa kungekudala  akusekho mfuneko  yokuba baye kwiposi yeli ukuyokwenza amakhadi amatsha.Ukanti iposi idize ukuba abaxhamli bangathi bandwendwele iivenkile ezithengisa ukutya ezikhethiweyo baphathe izazisi zabo neminxeba yabo ephathwayo xa beyokwamkela imali yesibonelelo.

 

“Ngelilixa iposi yeli ibonakala ifumene isisombululo esikhawuleziyo sokukhawulelana nemigca emide yabantu abazokwenza amakhadi amatsha kodwa ndinalo uluhlu lwezithembiso ezingafezekiswayo kwinkcukacha zakwaSASSA”. Kwezi yure ezingamashumi amabini anesine ezigqithileyo luthotho lwemibuzo nezikhalazo ezingenileyo  zabaxhamli bebuza malunga namakhadi agolide akwaSASSA, kodwa asinazo iimpendulo. Abanye ababuzi ngemali yabo kodwa babuza malunga namakhadi wabo ndawonye nokuba urhulumente kazwelonke uzakuzifezekisa njani izithembiso zabo,”utyatyadule watsho uFernandez.

 

Woleke ngelithi ingxelo ekhutshwe yiposi yeli ibonakalise ukuqhawuka ngamandla konxibelelwano  phakathi kweposi yeli  ,iPostbank nabakwaSASSA.

 

Ikhadi lakwaSASSA .Ifoto ifunyenwe kwi-intanethi