Iziphathamandla kwicandelo lezolimo kwiphondo lentshona koloni zithi ukhuseleko lwamafama ngundoqo kubo. Umphathiswa welasebe ephondweni ugqirha Ivan Meyer uthi basebenza ngokusondeleyo namafama kwakunye namapolisa ukuze bagcine lamafama ekhuselekile ukanti kwelinye icala omnye wamafama aphume izandla kumhlaba waseMosselbay umnumzana Henry Meyer uthi bengamafama baziva bengakhuselekanga konke konke kodwa bazimisele ukusebenzisana namapolisa ukuze kugcinwe ukhuseleko lwabo ukanti konke oku kulandela emva kwentetho yomphathiswa ngethuba engqubanise iintloko nalamafama naye athwaxwa kakhulu kukuvalwa koqoqosho ngethuba kukho inkqubo yokumiswa ngxi kweentshukumo zoluntu kweli lomzantsi afrika ngenxa yentsholongwane iCovid 19.