News

Page: 7

U-Metrorail ubhengezwe njengentlekele Umbutho wezentlalo i-UniteBihind wenze izimemelelo ezintsha kumongameli weli umnu-Cyril Ramaphosa zokuba abhengeze u-Metrorail njengentlekele kazwelonke.Ezimemelelo ziza emva kokuntunyekwa koololiwe  ababini kwisikhululo soololiwe sase-Kapa kwimpelaveki ye-Pasika egqithileyo.Lomonakalo uqikelelwa kuma-33 ezigidi zeerandi.Kuye kwabanjwa indoda eneminyaka engama-30 ubudala mayela nesisiganeko yaze yavela kwinkundla kamantyi yase-Kapa.Umququzeleli kumbutho i-UniteBehind umnu-Lumkile Sizila umemelele ukuba lenyewe iqwalaselwe ngokukhawuleza… I-Hombo […]

i-Afri forum uwuphakamele umbandela wokuhlukumezwa kwamanina ezifama Umemelela kurhulumente ukuba azise amapolisa agacileyo umbutho i-Afri-Forum kwimimandla  equka leyo isemaphandleni kulandela uthotho lweziganeko zohlaselo ezifama.Ngempelaveki ye-Pasika kuhlaselwe amanina asele ekhulile kwifama yase-Villiersdorp nase-Redelinghuys.Lombutho uthi sele uqaphele iziganeko zohlaselo ezifama ezili-15 kwilizwe jikelele ukususela ngo-Lwesine.Ngokokutsho kwalombutho ,kutyholwa ukua kudlwengulwe umakhulu oneminyaka engama-72 ubudala kummandla i-Redelinghuys ngo-Lwesihlanu,ngelixa kummandla […]

STADSPERSONEEL AANVALLE Die Stad Kaapstad het kommer uitgespreek nadat ‘n wetstoepassingsbeampte die naweek in Pelican Park aangeval is.Veiligheid en sekuriteit Mayco-lid JP Smith het gesê die beampte het op ‘n klag van geluidsoorlas gereageer toe hy deur ‘n glasbottel getref is.Hy het bygevoeg  dat  die glasskerms sy kop en nek gesny het en hy is […]

Bekuvutha amadangatye kooLoliwe beli Usodolophu wesixeko sase-Kapa umnu-Dan Plato uthi uzakumemelela  indibano kwakunye nomkomishinala wamapolisa kwiphondo le-Ntshona Koloni unjengele Khombinkosi Jula,i-Arhente yabakhweli boololiwe u-PRASA kwakunye nabakwa-Metrorail kulandela isiganeko sokuntunyekwa ngomlilo kololiwe kwisikhululo soololiwe e-Kapa,waze umlilo wachaphazela omnye uloliwe ngempelaveki ye-Pasika.Abakwa-Prasa bathi lomonakalo ubalelwa kuma-33 ezigidi zeerandi.Umnu-Plato uthi ukutshiswa koololiwe kusabangela inkxalabo emandla.Umemelele indibano ekhawulezileyo kwakunye […]

Inzolo ibuyile kumimandla ethile kwisixeko seKapa Kuphinde kwabuyiselwa inzolo kwezinye iindawo kwisixeko se-Kapa kulandela iintshukumo zogwayimbo lwabahlali kummandla i-Khayelitsha,i-Lwandle kwakunye ne-Ottery.Amawaka-waka abahlali bangene ezitalatweni izolo begqushalazela umhlaba,izindlu kwakunye nofunqu kwirhafu yamanzi….Inkokheli yabahlali kummandla I-Litha Park u-Bishop Derrick Mtsolo uthi abahlali bonele. Abahlali batshise amatayara baze bavala iindlela eziliqela.Ukanti usavaliwe uhola wendlela u-N2 Highway phakathi kwemimandla […]

VERGADERING MET INWONERS Die burgemeester van Kaapstad, Dan Plato, het ná ‘n vergadering met inwoners van Khayelitsha die versekering gegee dat die kwessie oor hoë munisipale waterrekeninge, ondersoek sal word. Inwoners het verlede week protes aangeteken oor die hoë waterrekeninge en gebrekkige dienste. Sommige inwoners se rekeninge beloop tot soveel as 130-duisend rand. Plato sê […]

Maluphathwe ngononophelo uVoto lwalonyaka U-Archbishop-Thabo Makgoba  we-Anglican Church umemelele kwimibutho yezopolitiko kwiphondo le-Ntshona Koloni ukuba ithobe umoya kwiphulo lawo lolonyulo.U-Archbishop Makgoba ngusihlalo wekomishoni engumakhi mkhanyo kwimigaqo yokuziphatha yolonyulo.Uthi uxhalabile malunga nokugaya inkxaso ngendlela engafanelekanga.Kwingxelo yakhe ,ulumkise ngelithi izenzo zokwenyelisa nokuhlaselana ngokweziqu ngelixa kujongwe kulonyulo ingayinto edala unxunguphalo olufana nokuhlaselwa enyameni.Uthi ulonyulo olungenamkhethe nolukhululekileyo aluqwalaselwa kuphela […]

Kujongenwe nokumilisa ucwangco ezindleleni kulePasika Amagosa endlela kwiphondo le-Ntshona Koloni ajolise ekubeni acuthe ukubhubha kwabantu ezindleleni ngomyinge wama-50 eepesenti ekhulwini ubuncinane.Kwiintsuku ezine zekhefu lepasika, kuzakumiliselwa isicwangciso esiluqilima sokunyanzelisa ukhuseleko ezindleleni ngeenjongo zokucutha inani eliphezulu lokubhubha kwabantu ezindleleni.Esisicwangciso siquka inkqubo egxile ekulawuleni ukudinwa kwabaqhubi,ukuqwalasela ukulungela kwezithuthi indlela kwakunye nokhuseleko lwabakhweli.Oyintloko yamagosa endlela kwiphondo le-Ntshona Koloni umnu-Kenny […]

Kuyaqhuma kwizitrato zaseKhayelitsha abahlali badikiwe Eminy’imimandla kwisixeko sase-Kapa ithiwe mbende yimigushuzo yabahlali ngalentsasa.Olugwayimbo lukhokhelele ekubeni kuphazamiseke izithuthi kwezinye iindlela kummandla i-Khayelitsha neminye imimandla eyingqongileyo nanjengoko abahlali beqalise ukutshisa amatayara nobunye ubugoxo ngoqhiza kulentsasa…Ukanti lemigushuzo ikwakhokhelele ekubeni kubekho uphazamiseko kwezinye iinkonzo,nabantu abaya emisebenzini baye baphazamiseka… SINDAPHI ON STRIKE-11 APRIL.. Kusenjalo abahlali abangaxolanga ngumba wokuzithathela umhlaba kummandla […]

Unalo na elakho iTikiti?? Tickets sold out on all the Silulo Shops, if you’re a last minute person rush down to any Shoprite near you or come down to Zibonele FM to buy your ticket. The ticket prices go up on the day of the event, SO BUY NOW before we sell out!!


Zibonele FM

Zibonele FM

Current track
TITLE
ARTIST

Background