Written By

Olwethu Mboto

Photo by EWN

Igwetywe iminyaka eli-50 indoda yase-Atlantis.

Yindoda yommandla wase-Worcester kwiphondo le-Ntshona Koloni ezakuchitha iminyaka engamashumi amahlanu ezayo entolongweni malunga nesiganeko sokudlwengula amantwazana amabini aselula. Izolo inkundla yenkqila yalammandla imfumene enetyala u-Charles Stevens nogwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu entolongweni ngokudlwengula amantwazana aphakathi kweminyaka elishumi elinanye ukuya kwishumi elinesibini kwinyanga ka-March kunyaka ka-2018. Inkundla ive indlela awabagrogrisa ngayo loxhaph’ithanga lamantwazana nalapho kudizwe ukuba wayebathembisa ngezimuncu-muncu nemali ukuze bona bangaxeleli mntu. U-Steven ubeseluvalelweni lwamapolisa sukela ukunqakulwa kwakhe ngonyaka ka-2018.

News Editor

Xolisa Sindaphi

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.