Written By

Olwethu Mboto

Photo by EWN

Imiselwe unyaka ozayo ivoti yokuphelelwa lithemba ngakumongameli u-Ramaphosa.

Usomlomo we-Palamente unkskz-Thandi Modise uthi ufumene imbalelwano kumbutho we-ATM ecela ukuba isiphakamiso sokuphelelwa lithemba ngakumongameli -Cyril Ramaphosa sirhoxiswe de kubengunyaka ka-2021. Lombandela wokuphelelwa lithemba bekufaneleke ukuba ushukuxwa ze kuvotwe kamva ngenjikalanga yanamhlanje. Kodwa noxa kunjalo i-ATM ibhenele enkundleni ngentseni yanamhlanje ngeenjongo zokuba isigqibo sika-Modise sokungavumeli iivoti ngokusekhusini siqwalaselwe kwakho size sibekelwe bucala. Ukuhlala kwenkundla kulindeleke ngomhla wesithathu nowesine ku-February wonyaka ozayo. I-ATM ixoxe ngelithi u-Modise wenza ukungakhathali ekwanalo nedolo ngethuba esengela phantsi izicelo zeevoti zemfihlo, noko kunjalo u-Modise uthi i-ATM yafeda ukwenza ngokwaneleyo

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.