Written By

Olwethu Mboto

IZAKUZIBULISELA ENKUNDLENI E-BELLVILE INDODA ETYHOLWA NGOKUTSHISA IBULALA, INGCWABE INKOSIKAZI YAYO.

Photo by Unknown

Uzakuvela kwinkundla kamantyi yase-Bellvilee e-Kapa namhlanje umrhanelwa othiwe mbende zizityholo zokubulala unkosikazi wakhe ngokungenalusini e-Fisanti kwiphondo le-Ntshona Koloni. U-Nosicelo Tsipa nongunina womntwana oneminyaka elishumi elinesihlanu kulendoda kudizwa ukuba wayexhatshazwa ixesha elide yilendoda ikwamfakela nezigrogriso zokumbulala ikwathii awazokumbamba amapolisa ngethuba ixhoba liyichaza lenyewe emapoliseni. Amalungu osapho luka-Nosicelo atyhola ingalo yomthetho ngecingo lawo adiza ukuba liyeke-yeke esithi ityhobozile lendoda ibulala inkosikazi yayo ngethuba lenyewe isingathwe ngamapolisa. Umzimba ka Nosicelo wafunyanwa ungcwatywe kumngxuma ongekude kuyaphi utshisiwe nalapho kurhaneleka lendoda. Ityala nebekufanele liqhube kwinkundla kamantyi yase-Bellville izolo limiselwe usuku lwanamhlanje nalapho umtshutshisi bekudizwa ukuba ubenengxaki yempilo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.