Written By

Olwethu Mboto

Ngumrhanelwa wesibini osele enqakuliwe malunga nesiganeko sodubulo lwee-taxi olwenzeke kwisikhululo sezithuthi zikawonke-wonke e-Kapa ebutsheni baleveki. Ngabantu abasixhenxe ababhubhele koludubulo kuquka owasethyini obehamba ngesitulo esinamavili. Lomrhanelwa wesibini noneminyaka engamashumi amathathu anesithoba ubudala unqakulwe ze wafunyanwa nomkhono wekati. Oku kuza emva kokuba amagosa esiXeko se-Kapa enqakule indoda eneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala emva koludubulo. Isithethi samapolisa ephondweni u-sajini Noloyiso Rwexana udize ukuba lendoda izakuvela enkundleni kungentsuku-zatywala.

News Editor

Xolisa Sindaphi

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.