Limiselwe inyanga ezayo ityala likaMafe ukuze kunikwe ingqwalasela iingxelo zikagqirha

NguZukhanye Gam

Limiselwe umhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeKhala kulonyaka (13 July 2023)  kwinkundla ephakamileyo yaseKapa ityala elijongene nomtyholwa ojamelene netyala lokuntumeka ipalamente uZandile Mafe. Oku kukunika ithuba amagqwetha akhe abonisane naye kumcimbi wengxelo yengqondo.

 

UMafe ugqibezele uvavanyo lwengqondo kwiziko lonyango eFort England kwiphondo laseMpuma Koloni. UJaji uNathan Erasmus ugwebe ngelithi okubhalwe kule ngxelo akufuneki kubhengezwe esidlangalaleni okwangoku.  U- Erasmus uxelele inkundla ukuba uMafe wayengayazi le ngxelo kwaye ngenxa yeziphumo zokuqala lokaMafe uzokugcinwa eluvalelweni ePollsmoor

 

Amagqwetha akhuselayo axelele inkundla ukuba angabiza iingcali zonyango ngalo mba. UMafe ujongene namatyala amaninzi, aquka ukutshisa, ubunqolobi kunye nobusela kulandela umlilo owagubungela iPalamente kunyaka ophelileyo.

U-Erasmus ukwayalele ukuba uMafe agcinwe eluvalelweni kwiphiko lezonyango kwintolongo yasePollsmoor eTokai de avele enkundleni kwakhona.

Add a Comment

You must be logged in to post a comment