Written By

Abongile Booi

Nanjengoko ilizwe loMzantsi Afrika beliqaphela usuku loxolelwaniso izolo inqaba iCastle of Good Hope ibikwakhumbula namatshantliziyo awancedisayo enikela ngegazi lawo ukuze kubonakale umnyama wobulungisa

Izolo lanqaba iphehlelele ngokusesikweni amaphulo amabini okufundisa ukuze kuqatshelwe usuku loxolelwaniso nalapho elokuqala ibilelokukhumbula iqhawe elabhubhela eziseleni zamapolisa ngomnyaka ka1969 umnumzana uImam Haron owayelitshantliziyo lenkululeko kulandela ukugwetywa kwakhe iintsuku ezilikhulu mashumi mabini anesithathu ngethuba esilwela ubulungisa phantsi korhulumente wexesha lomnyhamnyheko. Unyana wakhe owayeminyaka ilishumi elinesithathu ubudala ngeloxesha umnumzana Muhammed Haron uthi abafuni kubuyisa iliso ngeliso kuba bebuyisa isixhiba kodwa bafuna kuphinde kuvulwe olwaphando kwakhona ukuze kufumaneke eyona nyani nanjengoko kadizwa ukuba lokaHeron wothuleka kumanqwanqwa ezisele yaye uthi oyena mntu yabanechaphaza elibi kakhulu yonke kuye lento yesisiganeko yabangumama wakhe.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.