Social Justice

Written By

Abongile Booi

Kungenzeka kubekwe kuphela imigqaliselo kunenkqubo yokumiswa ngxi kweentshukumo zoluntu kweli loMzantsi Afrika

Ulindeleke ukuba awise intetho yakhe uMongameli weli loMzantsi Afrika umnumzana Cyril Ramaphosa ngokuhlwanje nalapho ezakube ebhengeza umkhombandlela ngakwimigqaliselo ekufuneka imiliselwe neendawo ezinobuzaza ngokumandla kwiziganeko zolosuleleko lwentsholongwane iCorona kweli. Ingcali kuqoqosho lwezempilo uMnumzana uAlex Van den Heever uthe kungenzeka ukuba uMongameli uzakumilisela imigqaliselo nemiqathango ngokweengingqi kunokuba amilisele iinkqubo zokumiswa ngxi kwezinye zeentshukumo zoluntu

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

Ukhuthswe ngebheyile yewaka lee-randi umrhanelwa otyholwa ngokuthubelezisa iphepha lee-mviwo zebanga leshumi.

Ibutho lookhetshe namhlanje likungqinile ukuba sele lenze inkqubela phambili ngokunqakula umntu omnye malunga nebholo lokuthutyelezesiwa kwephepha lebanga leshumi. Umnu u-Themba Daniel Shikwambana noneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala unqakulwe kulwesithathu weveki ephelileyo kulandela uphando olunzulu lwebutho lookhetshe. Umnene loo ebevele kwinkundla kamantyi yase-Rhawutini izolo ngokwayamene nokuphangwa kwephepha lesibini lezibalo zeemviwo zebanga leshumi, Kambe ukhutshwe ngebheyile yewaka lee-randi. Kukholeleka ukuba u-Shikwambana usebenzela inkampani encedisana nesebe lemfundo esisiseko ekukhutshweni kwamaphepha ebanga leshumi onyaka ka-2020. Oku kuza emva kokuthutyeleziswa kwephepha leemviwo lesibini lezibalo, ele-Physical Science ndawonye nele Life Science emva kweentsuku ezimbini ezahlukeneyo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michell Augus

PICTURE BY POLICE SPOKESPERSON FC VAN WYK

Another drug bust by SAPS officers

2 suspects have been arrested in Vrygrond for dealing in drugs.On Sunday, Muizenberg police officers responded to a community tip-off of a potential drug dealing in the area. One of the suspects who is a 18-year-old male and a resident on the premises where the drugs was found, appeared in the Muizenberg Magistrates Court yesterday. According to the police's Frederick Van Wyk, the police members found 240 mandrax tablets wrapped in an Angolan flag.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michell Augus

Moordsaak van Charl Kinnear duur voort

Die saak teen die moordbeskuldigde, Zane Kilian was vroeer vandag tot volgende week toe uitgestel, aangesien die hoofaanklaer in die saak in self-isolasie is.Kilian was in September maand inhegtenis geneem in Gauteng dae nadat die hoof speurder,Charl Kinnear dood geskeit was terwyl hy in sy kar gesit het voor sy huis in Bishop Lavis. Kilian staan ook tereg op aanklagte van sameswering om moord te pleeg en die onwettige onderskep van kommunikasie.Hy sal ook na verwagting op die 14 Desember in die landdroshof in Kaapstad verskyn inverband net die poging tot moord saak van verdedigingsadvokaat William Booth.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Lusindiso Mayambela

Uzakunika ingxelo kungekudala umphathiswa wezemfundo esisiseko malunga nokuthutyeleziswa kwamaphepha eemviwo zebanga leshumi

Ibhunga labaphathiswa kwisebe lemfundo,lifumene ingxelo yokuqala ngentsasa yanamhlanje malunga nokuthutyeleziswa kwamaphepha eemviwo zebanga leshumi.Iphepha lesibini lezibalo,ele-Physical Science kwakunye ne-Life Science aye athutyeleziswa kwinyanga ephelileyo.Elibhunga livakalise ukuba emva kokuphonononga iingxelo,liye laqaphela ukuba uphando alukaqosheliswa kwaye kusekho omnye umsebenzi ekusafuneka wenziwe.Umphathiswa welisebe kuzwelonke unkskz-Angie Motshekga ulindeleke ukuba asingathe indibano kwakunye nabeendaba ekuzeni kuphela kwaleveki ukuze enze isibhengezo ngokusesikweni.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

PICTURE OF THE SUSPECT, FERNANDO ISAACS...THE PIC IS FROM BONTEHEUWEL COUNCILAR ANGUS MCKENSIE

Geregtigheid vir die vermoorde lauren drydan

Die verdagte wat beskuldig word van die moord op Lauren Drydan van Bonteheuwel het vanoggend weer in die Parow landdroshof verskyn. Fernando Isaacs word van moord en roof beskuldig nadat die 31 jarige ma van 2 kinders,beroof en vermoor was in Epping die 20ste November terwyl sy vir haar Uber gewag het. Tydens die voorval het sy tans van nogskof af gekom.Die verdagte sal in aanhouding bly en sal op 4 Februarie 2021 by die streekhof in Parow verskyn.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

Brand eis man se lewe

N man het vanoggend gesterf in n brand by Vrygrond.Die stad kaapstad se brand en reddingsdienste het 24:25 by die toneel opgedaag in Apple straat waar verskeie hokkies afgebrand het wat vele mense haweloos gelaat het. 5 Brandweer voertuie en 19 brandweer manne was op die toneel en die brand was geblus na 3uur vanoggend.Die man se lyk was daarna gevind en die toneel was oorgehandig na die SAPD.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Nobaxabiso Mgqawule

Photo by Unknown

Uzenze ikheswa umphathiswa wokhuseleko loluntu eNtshonakoloni umnumzana Fritz

Headline:Uzenze ikheswa umphathiswa wokhuseleko loluntu eNtshonakoloni umnumzana Fritz Uvavanywe ze waqinisekiswa njengosuleleke yintsholongwane iConona umphathiswa wesebe lokhuseleko loluntu kwiphondo leNtshonakoloni umnu. Ablert Ftritz.Oku udizwengethuba bekuphehlelelwa inkqubo yesicwangciso sokhuseleko loluntu kweli phondo ngexesha leholide zehlobo..Lo msitho ububanjelwe kummandla wase Phillipi.Iphondo leNtshonakoloni kungoku njelijamelene nengxaki yohlaselo lwesibini ngubhubhane wetsholongwane iCovid 19.Kapa umnu. J P Smit uthe umphathiswa uzifumene ezindaba ngethuba ebebambe intlanganiso ngokobuxhakaxhaka bale mihla nalapho bekush. ukuxwa khona iqhinga buchule lokulwa ulwaphulo mthetho sisixeko sase Kapa norhulumente wephondo ngokubanzi .Emva kokufumana ezindaba uye wayishiya phakathi intlanganiso ukuze aye kuzenza ikheswa.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

Photo by Unknown

SABC RETRENCHMENT PLAN DELAYED

The Broadcasting, Electronic, Media & Allied Workers Union (Bemawu)’s legal representatives argued today in court that the South African Broadcasting Corporation (SABC) must immediately stop the planned retrenchments and allow proper consultation. They brought an urgent application to the Braamfontein Labour court to stop this retrenchment process which can lead to 400 employees losing their jobs. The SABC board claims that the retrenchment proses is needed to resolve the financial problems the broadcaster has been having. Judgment in the SABC case will be handed down next Wednesday.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

Photo by Unknown

GESONDHEIDSDEPARTEMENT SE GEREEDHEID

Die Wes-Kaapse gesondheidsdepartement beweer dat daar voldoende bedruimte sal wees indien die COVID-19-infeksies meer word in die Metro.Provinsiale hospitalisasies het in November met 63% toegeneem, en ICU gevalle met 75%. In September het COVID-19 hospitalisasies 'n laagtepunt van minder as 500 bereik en hierdie week het dit gestyg tot meer as 900.Volgens die provinsiale hoof van gesondheid, dr Keith Cloete, was daar in die afgelope 2 weeke, 'n dubbele toename in hospitalisasies in die Kaapse metro.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

Video by Unknown

Lizakuqhuba kwiveki ezayo ityala lendoda etyholwa ngokubulala

Limiselwe ulwesibini weveki ezayo ityala lesicelo sebheyile sika Zane Killian. Loka Killian unqakulwe ngokwayamene nokugqithisa amafu umcuphi wamatyala amaqela emigewu umnu u-Charl Kinnear. U-Killian ujamelene namatyala ahlukeneyo ayamenenokuzama ukubulala e-Kapa, Kambe kungoku-nje kulindeleke afake isicelo sebehyile sesibini. Noko kunjalo umbuso uthi uzimisele ukusikhaba isicelo sebheyile ngelithi unobungozi. U-Killian ubeseluvalelweni kangangesithuba seenyanyanga ezimbini. Ityala limiselwe iveki ezayo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michell Augus

Photo by Unknown

NUWE VERNOOT VIR DIE GROEI VAN OSEAAN-EKONOMIE

Die burgemeesterskomiteelid vir ekonomiese geleenthede en batebestuur, James Vos, het vandag die stad se nuutste strategiese sakevennoot (SBP), BlueCape, met belangrike belanghebbendes in die bedryf tydens 'n webinar bekendgestel. Hierdie SBP was gestig om werkskepping en die groei van Kaapstad se oseaan-ekonomie deur mariene vervaardiging, te ondersteun. Die primêre rol van BlueCape, wat ook ondersteuning vanaf die V&A Waterfront ontvang het, is om vaardigheids-opleiding te bied vir werksgeleenthede in die oseaan-ekonomie, produkontwikkeling te ondersteun en om internasionale bemarking vir Kaapstad as 'n keuse-bestemming te bied.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

IZAKUZIBULISELA ENKUNDLENI E-BELLVILE INDODA ETYHOLWA NGOKUTSHISA IBULALA, INGCWABE INKOSIKAZI YAYO.

Photo by Unknown

Uzakuvela kwinkundla kamantyi yase-Bellvilee e-Kapa namhlanje umrhanelwa othiwe mbende zizityholo zokubulala unkosikazi wakhe ngokungenalusini e-Fisanti kwiphondo le-Ntshona Koloni. U-Nosicelo Tsipa nongunina womntwana oneminyaka elishumi elinesihlanu kulendoda kudizwa ukuba wayexhatshazwa ixesha elide yilendoda ikwamfakela nezigrogriso zokumbulala ikwathii awazokumbamba amapolisa ngethuba ixhoba liyichaza lenyewe emapoliseni. Amalungu osapho luka-Nosicelo atyhola ingalo yomthetho ngecingo lawo adiza ukuba liyeke-yeke esithi ityhobozile lendoda ibulala inkosikazi yayo ngethuba lenyewe isingathwe ngamapolisa. Umzimba ka Nosicelo wafunyanwa ungcwatywe kumngxuma ongekude kuyaphi utshisiwe nalapho kurhaneleka lendoda. Ityala nebekufanele liqhube kwinkundla kamantyi yase-Bellville izolo limiselwe usuku lwanamhlanje nalapho umtshutshisi bekudizwa ukuba ubenengxaki yempilo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

SERVICE DELIVERY SUSPENDED DUE TO STAFF SAFETY

Photo by Unknown

The physical attacks on staff and verbal abuse of CITY officials while in the line of duty trying to assist residents, has become a norm in areas that need their services the most. Physical injury from assault, robbery at gun point, attempted hijackings, pelting of vehicles with stones and bricks and assaults from protesters are sadly becoming part of the job for many officials.While basic and essential services will still be provided by the City, the staff of electricity teams safety, is a priority, so electricity services in some areas will be suspended until it is safe to resume service delivery.Mayco member for energy and climate change,Phindile Maxiti has more...clip…

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

NOG N COVID-19 GEVAL

Photo by November Fhilander

Die bedrywighede van die Mfuleni polisiekantoor is vanaf vanoggend na n struktuur agter die gebou verskuif sodat die fasiliteit ontsmet kan word nadat n Covid-19 geval aangemelt was. Mfuleni-polisie woordvoerder,November Fhilander verduidelik meer…clip…

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

BAGQITHISE NGOXWEEBHU LWABO LWEZIKHALAZO KUMPHATHISWA WESEBE LEZEMPILO ABASEBENZI BELISEBE

Photo by Department of health

Umphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo le-Ntshona Koloni ugqirha NomaFrench Mbombo udize ukuba uzakuzinika ingqwalasela izidingo ezenziwe ngabasebenzi becandelo lezempilo basekuhlaleni nabafuna umvuzo ongcono. Ababasebenzi nabaphantsi kwemanyano kazwelonke ndawonye Nupswa bebebambe umngcelele osingise kwindlu yowiso mthetho yephondo ukuyakugqithisa ngoxwebhu lwabo lwezikhalazo nalapho oluxwebhu balunikeze kugqirha Mbombo baza bamnika iintsuku ezisixhenxe kuphela ukuba aphendule. Iingxelo zidiza ukuba ababasebenzi bebelugcwabevu ngumsindo ngethuba u-Mbombo engalamkeli uxwebhu lwezikhalazo zabo ubuso ngobuso

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

BAZAKUQHUBA NOGWAYIMBO LUKAZWELONKE ABASEBENZI BESEBE LEZEMPILO

Photo by Department of health

Bazakuqhuba nogwayimbo lwabo kwakho namhlanje abasebenzi becandelo lezempilo kumacandelo ahlukeneyo kwelilizwe lomZantsi Afrika. Imanyano yabasebenzi i-Nehawu ithi izakuzibandakanya nogwayimbo lukazwelonke malunga nomba wokwenyuswa kwemivuzo yababasebenzi. Lemanyano ithi onompilo abaliqela abazange balihlawulwe ixesha lomsebenzi elongezelelweyo ngenxa kumiswe iintshukumo zoluntu kweli, ikwathi ifuna urhulumente ukuba anike ababasebenzi izivumelwano zengqesho ezisisigxina. I-Nehawu ithi izakunikezela ngoluhlu loxwebhu lwezikhalazo zayo ngentsimbi yeshumi elinanye namhlanje kwaye inika urhulumente iintsuku ezisixhenxe kuphela ukuba aphendule koluxwebhu.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Nobaxabiso Mgqawule

Photo by Unknown

Isebe lezothutho eNtshona koloni likwinzame zokufumana isisombululo kwintsind'abadala lemilo leTaxi

Umphathiswa wesebe lezothutho kwiphondo le-Ntshona Koloni umnu u-Bonginkosi Madikizela uzakungqubanisa iintloko nabasemagunyeni ndawonye namaqumrhu onyanzeliso mthetho kuleveki ukushukuxa isiganeko sodushe lono-taxi lwakutsha-nje e-Kapa. Oku kuza emva kokuba ngom-Vulo waleveki amalungu ombutho wee-taxi zika Cata edutyulwe abhubha ze konzakala amathathu e-Nyanga kweliphondo, kwiiyure nje ezimbalwa kwangom-Vulo njalo konzakele abantu abathandathu kudubulo olwenzeke kwisikhululo see-taxi sase-Kapa nalapho oka-Madikizela edize ukuba kukholeleka ukuba esi siganeko semalungu ka-Codeta. Iingxelo zidiza ukuba umphathiswa ubenentlanganiso nabasemagunyeni izolo ukuva malunga nesisiganeko

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

GESONDHEIDSWERKERS BETOGING

Gemeenskapsgesondheidswerkers hou n betoging na die provinsiale wetgewer om hul griewe te lug. Die National Union of Public Service and Allied Workers (Nupsaw) lei die betoging, wat deel vorm van 'n nasionale kwessie oor diensvoorwaardes en betalings.Hulle eis 'n maandelikse minimum salaris van R12 500, mediese fonds en behuisingstoelaag, asook permanente aanstelling. Hulle is oppad na die provinsiale wetgewer vanaf Hanoverstraat om 'n lys eise aan Wes-Kaapse Gesondheids LUR, Nomafrench Mbombo, teoorhandig….clip…

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Zukisa Mbobi

PHOTO BY CITY'S FIRE AND RESCUE SPOKESPERSON JERMAIN CARELSE

Aqhwatyelwe izandla amagosa ezicimi mlilo kweliphondo le Ntshona Koloni

namhlanje emva kokuba ethe anceda owasetyhini ekubelekeni usana lwakhe kuphahla lwendlu kummandla wase Belher . Kanye emva kwentsimbi yesine iqela labaciimi mlilo liye laleqisa kulendlu nalapho lifumane lowase tyhini ephezukwendlu ebanjwe zintlungu . Ilingu lekomiti kwicandelo lokhuseleko loluntu u JP Smith uthi lenkwekwana iyimveku kwakunye nonina baye banikezelwa esibhedlela emva kokwenza kakuhle

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

PHOTO BY CITY'S FIRE AND RESCUE SPOKESPERSON JERMAIN CARELSE

BABA WORD GEBORE OP DIE HUIS SE DAK

Brandweermanne van die Stad Kaapstad het vanoggend gehelp met die geboorte van 'n baba in Belhar. Die bemanning van die Belhar-brandweerstasie het die ma op die dak van 'n huis gevind. Burgerneesterkommitteelid vir veiligheid en sekuriteit verduidelik,JP Smith verduidelik meer…clip…

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michell Augus

Photo By Unknown

HERNUWE PROTES DEUR GEMEENSKAPGESONDHEIDSWERKERS

Gemeenskapsgesondheidswerkers in Kaapstad sal vandag weer by verskillende mediese fasiliteite betoog. Hulle beweer dat hulle nie die erkenning vanaf die Wes-Kaapse gesondheid department kry wat hulle verdien nie en is ook ontevrede oor hul salarisse.Volgens die SA Care Workers Forum se Ntombethemba Maduna het gister by die protes buite die Khayelitsha Site B-kliniek aangesluit…"Neem ons ernstig op, moenie ons uitbuit omdat ons gemeenskapsgesondheidswerkers is nie, want die geld wat ons nou vanaf die Departement van Gesondheid kry, is nie genoeg vir die werk wat ons doen nie en ons het ook gesinne om voor tesorg".Hulle beplan ook om more na die parlement toe te betoog.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Zoliwe Mgqawule

Photo by SA Coronavirus

South Africa's coronavirus death toll has risen

South Africa's coronavirus death toll has risen to 20,968, with 65 new deaths confirmed by the Health Ministry.In the past 24-hour-cycle, 2,080 new infections have been recorded, taking the total number of confirmed cases since the start of the outbreak to more than 769,000.The recovery rate is still around the 92% mark, which means more than 711,000 people have recuperated so far.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

Photo by Unknown

Lithi liqwasele inkqubo ebhetye-bheye ngakumaphepha ebanga leshumi isebe lemfundo esisiseko

Ibhunga labaphathiswa besebe lezemfundo likungqinile ukuba lizakungqubanisa iintloko ukushukuxa esinye isiganeko sakutsha-nje sokuthutyeleziswa kwelinye iphepha labafundi bebanga leshumi. Kukholeleka ukuba liphepha lesibini le-Physical Science elithutyeleziswe ngoqhiza lwentseni yayizolo phambi kweeyure nje ezimbalwa abafundi bebanga leshumi balichophele. Oku kuza emva kwephepha lezibalo lesibini elithutyeleziswe kwiveki esiyishiya ngemva. Abasemagunyeni babhenele kwibutho lookhetshe ukuba liphande malunga nokuthutyeleziswa kweliphepha. Isebe lezemfundo likhuphe igqiza elizakuhlola ukhuseleko lweenkqubo zalo ukuthintela ukuba kungaphindeki esezolo ngakulenyewe. Ngokwengxelo yelisebe kuzakuqhutywa inkqubo yophicotho zincwadi.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michelle Augus

Photos By Unknown

ARRESTS MADE BY LEAP OFFICIALS

LEAP officers who were out on patrol in Gugulethu on Saturday, 21 November ,conducted a stop and search of three suspicious looking males. One suspect ran away, and during the chase, threw an item away that was later found to be an illegal firearm. The suspect was apprehended. On the same day, officers patrolling Ncewula street, Brown's Farm, Philippi noticed a silver Polo Vivo with three males making a U-turn and tried to drive away when they saw the officers approaching. Officers chased down the suspects, who collided with another vehicle, and managed to arrest two suspects. An illegal firearm and ammunition were also recovered

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

photo by Unknown

Libhubhele e-Pollsmor ibanjwa ebelizama ukuhlasela idindala e-Kapa.

Libanjwa likanqevu elinye elibhubhele kwizisele zase-Pollsmor kwiphondo le-Ntshona Koloni emva kokuba belizama ukuhlasela nokuhlaba idindala e-Kapa. Iingxelo zidiza ukuba lo nqalintloko ufumene umonzakalo entloko ngethuba lesi sehlo ze wabhubhela esibhedlele kamva. Kudizwa ukuba la madindala ebeqhuba ugqogqo kwizisele zakwa-Section-B ze afumana intlaninge yezixhobo ngaphathi kwesi sisele. Kudizwa ukuba ngethuba amabanjwa exelelwa ukuba abuyele eziseleni, elinye lawo lihlabe idindala entanyeni nasentloko. Isithethi seziko lezoluleko kweliphondo le-Ntshona Koloni umnu Delekile Klaas uthi amanye amadindala atsibe owenkawu ukungena ukuhlangula kwesisehlo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michelle Augus

Photos by Unknown

Notorious Gang boss shot dead

Former leader of the 28's gang, Ernie “Lastig” Solomon, has been shot dead in Boksburg on Gauteng’s East Rand. According to the police four gunmen fired multiple shots at the former Cape Town gang boss while he was inside his BMW. Three other people, who were in the car, including a 5-year-old child, were seriously wounded.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Ibhalwe ngu:

Abongile Booi

Umfanekiso ngabakwa IOL

Umdlwengule ngolunya wambhalisa incwadi yokuzibulala

Kubanjwe indoda emva kwezityholo zokuxhwila intwazana engekalingeli neshumi elivisayo ze wayidlwengula ngokungenalusini kangangeentsuku ezintathu. Ngokutsho kweengxelo ezikhutshiweyo lentwazana iminyaka ilishumi elinesibhozo ubudala inyanzeliswe ukuba ibhale incwadi azixela khona ukuba izakuzibulala kodwa yahlangulwa ngaphambi kokuba ibulawe ngolunya ngumrhanelwa. Iingxelo zihambisa ngelithi ixhoba nelihlala eKhayelitsha belime kumgaqo iOld Faurie Road eDriftsands ngethuba umrhanelwa elijolisa ngemela ezimbanjeni elinyanzelisa ukuba lihambe naye ukuya kwindawo yoogobityholo iCovid19 eseMfuleni nalapho afike walixhaphaza ngokwesondo izihlandlo eziliqela. Elixhoba belinyembezana ngethuba lichaza intlungu yalo ngelithi umrhanelwa ulixelele ukuba uzakusebenzisa isikhuseli ngenxa yesimo sakhe sokuphila nentsholongwane esisandulela sikagawulayo, ze waqalisa ukulidlwengula ixhoba impelaveki yonke elityisa into ekumila kunjengempepho nebikholela ukuba ixhoba lilale obentlombe ubuthongo ze lakuvuka aphinde alidlwengule kwakhona. Lentwazana ithi umrhanelwa uligrogrise ngolibulala akugqiba ngalo nalapho elinike iphepha lokubhala ileta yalowo uzibulalayo sele exhome intambo yokuzixhoma kodwa wahlangulwa ngummelwane womrhanelwa ngomvulo waleveki kanye ngosuku ebelifanele ukuba libulawa ngalo. Inkokheli yokuhlala umnumzana Bongile Zanazo uthi umhlobo wexhoba uye wazama ukuyakulikhangela nalapho eye wafumana umkhondo kumntu owazi umrhanelwa n
antoleyo ikhokelele ekubeni kude kukhatywe ucango kwityotyombe lomrhanelwa ze kwafikwa ixhoba lihamba ze sele liphelelwe lithemba.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michelle Augus

Photo by City of Capetown

The City's Ghost squad

The City of Cape Town’s Ghost Squad,which is a specialised unit within the Traffic Service, reported an increase in the issuing of fines and successful arrests as roads get busier. The number of arrests for driving while under the influence of alcohol continues to climb with 52 motorists arrested last month. The Ghost Squad was launched in July 2009 and has  proved to be effective from the start. With 12 officers using unmarked vehicles, they recorded an average of more than 2 000 offences for the first few months. Today the unit has 25 high performance vehicles, patrolling the City’s streets and highways. These vehicles include motorcycles and cars.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

Photo by Zizipho Ninzi

Abhiyozela umsitho wokuvala unyaka amalungu ombutho we-Codeta

Umbutho wee-taxi zika-Codeta uthi nangona ubambe umsitho wokuvala unyaka namhlanje kwibala elise Mandela Park e-Khayelitsha kodwa basahlinza impuku ngokunokuthi kwenziwe kulombutho ukuntintela imiba eliqela ekhawulelene nalombutho phakathi kulonyaka ka-2020 kuquka ukubhubha kwabaqhubi bee-taxi. Intatheli yelijelo elapho u-Zizipho Ninzi iusenzele lengxelo iqhotyoshelweyo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Olwethu Mboto

photo supplied

Sizawuphelisa nyaa umkhwa wamaqela oonqevu

Abahlali bommandla i-Manenberg kwiphondo le-Ntshona Koloni bazibandakanye nogwayimbo besithi badikwe yeyokosa zizigila mkhuba zamaqela oonqevu, Ababahlali bathi bazimisele ukuphelisa nyaa umkhwa wemilo yamaqela emigewu kulammandla nalapho bazibandakanye nezintshukumo isithuba seentsuku ezintandathu. Abahlali ndawonye nombutho wolutsha ochasene noku kulammandla bathi abasokuze bakwazi ukunyamezela kwakho oku de izikhalazo zabo zithathelwe ingqalelo. Uceba walammandla u-Aslam Cassiem uthi badinga neqela lesipolisa eliyaziyo imimandla efana nee-Cape Flats neminye imimandla engqonge i-Manenberg ukuncedisa ukuthibaza ulwaphulo mthetho olugquba kulammndla.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michelle Augus

VANDALISERING

Die HAUGE gemeenskapsentrum in Delft was gisteraand omstreeks 21:30 gevandaliseer vermoedelik  in reaksie op onwettige grondbesettings.Die ontspanningsaal in die gebou was aan die brand gesteek .Meer inligting en skade-beraming word opgestel en sal gedeel word deur die loop van die dag deur die Stad Kaapstad. Daar was ook 'n oortreding van die veiligheid by die jeugkliniek in Site B deur betogende inwoners by die kliniek.Die Kliniek is gesluit tot verdere kennisgewing en   Wetstoepassing beamptes en Metropolisie is op die toneel.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Ibhalwe ngu:

Abongile Booi

Ngumgxobhozo ka Thisayo kwaSASSA

I-Arhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA kwiphondo leNtshona Koloni iyalelwe ukuba yenyuse iikawusi ibhinq’omfutshane kwiphulo lokunxulumana nabaxhamli besibonelelo sikarhulumente. Ngokutsho kweengxelo ezikhutshwe ligosa eliphezulu nelongamele inqila umnumzana Henry de Grasse la arhente inokwenza ngcono kakhulu kunokuba isenza kwiindlela zokunxibelelana nabaxhamli ingakumbi kwiindawo ezisemaphandleni kweliphondo, ukanti oku ukuvelele ngethuba enikela ingxelo yakhe phambi kwekomiti yophuhliso lwentlalo ebemenyelwe ukuba ahlale intlanganiso nayo ukuze aphendule imibuzo ngeendlela abanxibelelana ngazo nabaxhamli ingakumbi kwiphulo lokunikezela ngeemali zesibonelelo kwabo bangaphangeliyo kwelixesha lokuqhambuka kwentsholongwane iCorona elisileleyo ukuyakufikelela kwabaninzi.Uthi eyona ngxaki imandla abadibana nayo kukuba uninzi lwabantu luneenzingo ezibangela ukuba bangakwazi ukulinda de kungene umyalezo obayalela ukuba bayekulanda imali eposini koko banyanzelisa ukuba banikwe imali kwakumyalezo obaxelela ukuba bavunyiwe ukuba baxhamle kula arhente nantoleyo idala ukuba kubekho imigca emide engalawulekiyo kwezaposi nebangela ukuba bambi bahambe bengafumenanga nezomali zesibonelelo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Michelle Augus

Photos by City of Capetown

More residents receive title deeds

On Monday, 16 November , 88 beneficiaries from Bonteheuwel, Bishop Lavis and surrounding areas received their historical title deeds. The City of Cape Town’s Executive Mayor Alderman Dan Plato and Mayoral Committee Member for Urban Management Alderman Grant Twigg were there to congratulate the beneficiaries. More than 1100 title deeds have already been handed to beneficiaries over the past two weeks. Beneficiaries from Blackheath, Happy Valley, Bloekombos and Wallacedene have already received their title deeds. A total of 6 000 historical title deeds will be handed over to beneficiaries by 22 December 2020.

 

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Olwethu Mboto

photo by Gcis

Ungqubanise iintloko nabaphathiswa bezemfundo u-Angie Motshekga, ngokuthutyeleziswa kwephepha le-Maths paper2

Umphathiswa wesebe lemfundo esisiseko unkzn u-Angie Motshekga uqulunkqe intlanganiso engxamisekile nabaphathiswa bonke belisebe kulandela isiganeko sokuthutyeleziswa kwephepha lesibini lezibalo e-Gauteng nase-Limpopo. Eliphepha le-Maths kudizwa ukuba lithutyeleziswe ngoqhiza lwentseni yangom-Vulo waleveki kwiiyure nje ezimbalwa ngaphambi kokuba lichotshelwe ngabafundi bebanga leshumi. Iingxelo zidiza ukuba sele unguqhelekile umkhwa wokuthutyeleziswa kwephepha e-Limpopo, nalapho kukholeleka ukuba kwa eliphepha linye lathutyeleziswa ngo-wtsup kwakweliphondo linye ngonyaka ka-2016. Kambe yindoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesibini esele inqakuliwe malunga nesisiganeko.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

Written By

Michelle Augus

Photo by Jenni Evans

PAC Betoging teen bewerings van rasisme by Hoerskool Brackenfell

Die polisie het skokgranate geskiet  om te voorkom dat 'n groep betogende PAC-lede die Hoërskool Brackenfell bereik. Die groep het vanoggend met hul betoging by die stasie begin, oppad na die skool toe. Die polisie het 'n versperring gevorm by die kruising wat na die Hoërskool Brackenfell lei, om te verhoed dat die groep van ongeveer 30 lede van die PAC by die skool uitkom. Die groep beweer dat hulle betoog om solidariteit te toon met EFF-lede wat verlede week tydens 'n bakleiery met ouers buite die skool aangerand was. Hulle betoog nou op die hoek van die kruising wat na die skool lei.Die organiseerders van die betoging het bevestig dat hulle nie n permit het oom te betoog nie.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Written By

Olwethu Mboto

Photo by Robin-Lee Francke

Yintlaninge yeziyobisi ezifunyenwe Milnerton

.Aqhwatyelwe izandla amapolisa ephondo le-Ntshona Koloni kummandla wase-Milnrton nalapho kufunyenwe khona intlaninge yeziyobisi ezixabisa ngaphaya kwesigidi see-randi. Ukufunyanwa kweziziyobisi kuza emva kokuba abakwantsasana befumene Iinkcukacha kumhlali ongafunanga ukuthiwa pahaa ngegama ngenxa yokoyikisela igama lakhe nalapho achaze isithuthi esithile esihambisa iziyobisi nalapho zifunyenwe khona. Isithethi samapolisa kweliphondo u-Captain Frederick van Wyk kwingxelo yakhe uthe ngethuba amapolisa elandelela esisithuthi asifumene kwindlela i-Koeberg e-Milnerton, nalapho kunqakulwe abarhanelwa ndawonye neembumbulu kuso.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Isemandundu imeko yenkwenkwana yaseParkwood edutyulwe ngethuba kuqhambuka udubulo phakathi kwamaqela emigulukudu. UNehemiya Classen ominyaka isibhozo ubudala udutyulwe kufutshane ekhayeni lakhe wonzakala ngokumandla ngomvulo waleveki emva kokuchanwa entloko ngembumbulu. Ngokutsho kweengxelo ezikhutshiweyo amapolisa aye aqalisa ukukhangela abarhanelwa nalapho kuye kwabanjwa khona indoda eminyaka ingamashumi mabini anesibini ubudala nelindeleke ukuba ivele namhlanje phambi kwenkundla kamantyi yaseWynberg. Esi ayisosiganeko sokuqala kudutyulwa umntwana kwimilo yamaqela emigulukudu kulammandla nanjengoko kunyaka ophelileyo kwehla kwa esisihelegu sifanayo kwakwisitalato esinye nalapho kwadutyulwa umntwana ominyaka isibhozo ubudala ze wachanwa egxeni, pukanti kwinyanga yomsintsi ngomnyaka ka2017 kwadutyulwa ominyaka isixhenxe ubudala ngethuba ezidlalela nomhlobo wakhe nalapho inkokheli yeqela lemigulukudu eyoyanyaniswa ze yawelwa lityala lokubulala yagwetywa amashumi amahlanu eminyaka iqamele ngenqind’emjiva.

Iqumrhu eliphehla amandl’ombane uEskom ukhuphe isilumkiso sokuba iiyunithi zakhe ezininzi azikaqini ngokupheleleyo nantoleyo idala ukuba lankampani idize ukuba izakumilisela isigaba sokuqala socimicimi wombane ukususela ngentsimbi yesibhozo namhlanje. Lankampani ithi kuzakunyanzeleka ukuba ilizwe lomzantsi afrika linyamezele esisigaba de kubeyintsimbi yesine emva kwemini ngokweengingqi ezahlukahlukeneyo ze emva koko kumiliselwe isigaba sesibini ngaphambi kokuba kuqalise ixesha likaxakeka lenjikalanga esolek’umsundulo ngelithi kungakho ukuqhawuka kombane nangomso.

Avakalise udandatheko nomothuko amapolisa ephondo lentshona koloni emva kokubulawa ngokungenalusini kogxa wabo. Ngokweengelo ezikhutshwe ngusomlomo wabakwantsasana uCaptain F.C. van Wyk uSajini Abongile Mayile ophuma kwisikhululo saseAthlone wayengaphangelanga ngenjikalanga yangomgqibelo ngethuba kuqhambuka udubulwanokwindawo yaseSettlers kwaLanga. Sithetha nje akukabanjwa mntu ngesisiganeko yaye amapolisa ahlabe ikhwelo nakubani na onokubanolwazi malunga neenkcukacha zesasiganeko aqhagamshelane nabakwantsasana yaye zonke iinkcazelo zizakuthatyathwa njengezisekhusini

Bathi bashiyeke belambatha bengazi nokuba benze njani abahlali baseKhayelitsha ingakumbi kwiingingqi ezininzi eSite B nanjengoko bemkelwe ngamanzi ukususela izolo. Omnye wabahlali balammandla ongavumanga ukukhankquzwa ngagama uthethe wenjenje: Clip!!!!!! Uthi kusenzinuana nokulungiselela ukuya empangelweni kwanokulungiselela abantwana abaya esikolweni nanjengoko kungekho nethontsi lamanzi.

I-Arhente ejongene nezibonelelo zikarhulumente uSASSA uzakuphinde avule inyoba kwakhona yokuba abo bavunyiweyo ukuba bangaxhamla kwimali yesibonelelo batshintshe iindlela abanokuhlawulwa ngazo imali ebezibekelwe bucala ukunika isiqabu kwelixesha lentsholongwane yeCorona. Ngokutsho kweengxelo ezikhutshwe yila arhente lenyoba ivulwa ukususela ngomhla wamashumi amathathu ananye kule isentloko ukuyakuthi xhaxhe ngomhla wesithandathu kweyomsintsi nezakusebenza iiyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku. Kudizwe ukuba abaxhamli bangatshintsha iindlela abafumana ngazo iimali ukusuka eposini ukuze ifakwe kwiibhanka zabo zokobuqu oanye batshintshe phakathi kweebhanka zabo besiya kwezo bafuna ukuzisebenzisa besebenzisa umnatha wala arhente ukanti oku kwenziwa ngelinge lokuqubisana nemiceli mngeni abanye babaxhamli abajamelene nayo xa bezama ukukhupha ezimali eposini.

Isixeko sase-Kapa sizakukhutshelwa imiyalelo yenkundla yokuba sinyanzelise amagosa kamasipala ukuba adibane kwakunye namalungu epalamente malunga nokuthatyathwa kwemihlaba. Ikomiti yepalamente eqwalasela inkonzo yesipolsa ivakalise ukuba ixhalabile malunga nento eyibiza ngokuba kukufeda kukamasipala kwindima yakhe yokunik'ingqwalasela, isoleka umsundulu ngelithi umasipala ujongela phantsi umgaqo-siseko. Lekomiti ifuna ukuba usodolophu wesixeko sase-Kapa umnu-Dan Plato kwakunye negqiza lakhe bathwale uxanduva malunga nokukhutshwa kwabantu kwiindawo abahleli kuzo ebutsheni benyanga ye-Khala kulonyaka. Inkundla ephakamileyo kwiphondo le-Ntshona Koloni ikhuphe isithintelo senkundla sethutyana,esithintela esisixeko ekubeni siqhubekeke nokushenxisa abantu ngaphandle komyalelo wenkundla,ngexesha lemo yentlekele.

Subscribe to our Newspaper

Get updates on your emails

Subscribe and get updated news daily

 

Loading

Fill in the form and Subscribe to our newspaper and get the latest news, emails will be sent for updates every time there are news update

Subscribe to our Newspaper

Get updates on your emails

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.