UMphathiswa uLindiwe Zulu uchithe usuku nabantu abadala kwilokishi yakwaLanga

Ibhalwe ngu Anezwa Tom

 

Ibizele ime ngembambo iholo yetyalike yamaKhatholikhi kummandla wakwaLanga kwisixeko saseKapa ziinkonde nenkondekazi  nalapho uMphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo kuzwelonke, unkosikazi Lindiwe Zulu ebeyokuthetha nazo malunga nomba wokuhanjiswa kweenkonzo ukuya eluntwini. Oku kuza nanjengoko uZulu ebesothula  intetho engohlahlo-lwabiwo mali yesebe lakhe ePalamente eKapa ngentsasa yangoLwesibini. UMphathiswa ukhethe ukuya kuchitha ixesha lakhe nabantu abadala bala mmandla nanjengoko iyeyona lokishi indala eKapa negqiba ikhulu leminyaka kulo nyaka umiyo. UZulu ubephelekwe ngamagosa esebe lakhe ndawonye ne-arhente ejongene nemali yesibonelelo sikarhulumente kuluntu uSASSA.

 

UMphathiswa uthe, ngexesha ebethetha kulo msitho nobuqale ngentsimbi yesibini, injongo yokuba akhethe uzokuchitha ixesha lakhe nabantu bakwaLanga kukuba la mmandla ugqiba iminyaka elikhulu . Kulo msitho bekushukuxwa kucakacwa kubaliswa imbali nemvelaphi yale ndawo nazo zonke iziganeko sukela kurhulumente wengcinezelo. 

 

“Ngumyinge wamakhulu alithoba eepesenti kuhlahlo lwabiwo-mali yesebe esithi siyidlulisele kwi-arhente ejongene nesibonelelo sikarhulumente ze ibesisibonelelo kubantwana, abantu abadala,nakunye nabo baphila nenkubazeko”, utshilo uZulu. Woleke ngelithi, abantu abadala zininzi izinto abazenzayo ngesisibonelelo.  “Ndingomnye wabo bantu abathi babanenyweba yokufundiswa ngumakhulu no tatomkhumkhulu wam”, laa ngamazwi kaZulu.

 

Uthe uziva echulumance ngeyona ndlela emveni kokugudlan’ amagxa nezi nkonde neenkondekazi zeyona lokishi endala eKapa nenembali yeziganeko zikarhulumente wengcinezelo kweli. Uncumo belunqandwa ziindlebe kubantu abadala ngethuba besamkela iingutyana zokombatha ‘fleece’ kulo kaZulu.

Bebesonwatyiswa ngomculo wakudala ze bafumana isidlo kunye nomphathiswa.

 

Ukanti othethela inqwanqwa elijongene nabantu abadala umnumzana Hendricks yena uthe, eyona njongo yabo kukuqiniseka ukuba abantu abadala bakhuselekile nanjengoko kuthe mbende iziganeko zokuhlukunyezwa kwabantu abadala nabantwana. “Abantu abadala bayabulawa badlwengulwe bohluthelwe imali yabo yesibonelelo lee kanye bakhulisa ngayo abantwana ndawonye nabazukulwana. Siyaqinisekisa ke uba lowo othe wabandakanyeka koku uyabanjwa avalelwe kwezimnyama izisele.”

 

SASSA

“Kugqith’iswa usana kunina ngurhulumente kwisibonelelo sikaSASSA” – Fernandez

Ibhalwe nguNomaxabiso Mgqawule.

 

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo kwiphondo leNtshona Koloni unkosikazi Sharna Fernandez, uvakalise inkxalabo malunga nengxelo ekhutshwe  yiposi yeli loMzantsi Afrika  emalunga nenkqubo entsha yokuhlawulwa kwabaxhamli bemali yesibonelelo sikarhulumente ngaphandle kwamakhadi e-arhente uSASSA. “Ukufumana imali ngaphandle kwekhadi kubonakalisa ukuqhawuka konxibelelwano phakathi kukarhulumente kazwelonke noko kwenzekayo ezantsi ebahlalini,’’ utshilo uFernandez.

 

Ukutsho oku emva kokuba iposi yeli idize ukuba abaxhamli bemali yesibonelelo kumakhadi asele ephelelwe nalawo azakuphelelwa kungekudala  akusekho mfuneko  yokuba baye kwiposi yeli ukuyokwenza amakhadi amatsha.Ukanti iposi idize ukuba abaxhamli bangathi bandwendwele iivenkile ezithengisa ukutya ezikhethiweyo baphathe izazisi zabo neminxeba yabo ephathwayo xa beyokwamkela imali yesibonelelo.

 

“Ngelilixa iposi yeli ibonakala ifumene isisombululo esikhawuleziyo sokukhawulelana nemigca emide yabantu abazokwenza amakhadi amatsha kodwa ndinalo uluhlu lwezithembiso ezingafezekiswayo kwinkcukacha zakwaSASSA”. Kwezi yure ezingamashumi amabini anesine ezigqithileyo luthotho lwemibuzo nezikhalazo ezingenileyo  zabaxhamli bebuza malunga namakhadi agolide akwaSASSA, kodwa asinazo iimpendulo. Abanye ababuzi ngemali yabo kodwa babuza malunga namakhadi wabo ndawonye nokuba urhulumente kazwelonke uzakuzifezekisa njani izithembiso zabo,”utyatyadule watsho uFernandez.

 

Woleke ngelithi ingxelo ekhutshwe yiposi yeli ibonakalise ukuqhawuka ngamandla konxibelelwano  phakathi kweposi yeli  ,iPostbank nabakwaSASSA.

 

Ikhadi lakwaSASSA .Ifoto ifunyenwe kwi-intanethi