Limisele izicwangciso zokulungela ubusika isebe lophuhliso lwezentlalo entshona koloni

Lusindiso Mayambela

 

Isebe lophuhliso lwezentlalo kwiphondo leNtshona Koloni likwinyathelo lokumilisela izicwangciso zalo nanjengoko kufika ixesha lobusika ukuqinisekisa ukuba limisela imigqaliselo efanelekileyo yokuqwalasela intlekele. Eli sebe lithi, iimeko zobusika ezimandundu ziyenza maxongo intlalo yabo bahlala kwimimandla yamatyotyombe,iindawo ezisemaphandleni nasezitalatweni. Ukanti elisebe lihlabele mgama lisithi lisebenza ngokuzinikela ukuqinisekisa ukuba ziyasebenza iinkqubo zalo zokulungela ubusika kwingingqi nganye kweli phondo jikelele nanjengoko kulindeleke ukuba kugaleleke izandyondyo zemvula neemeko zengqele eqhaqhazelisa amazinyo. UMphathiswa weli sebe ephondweni unkosikazi Sharna Fernandez uthi isebe lizakusebenzisana kwakunye nezinye ii-arhente zikarhulumente ukuze kuthonyalaliswe ifuthe leentlekele kwabo bahlelelekileyo. “Nanjengoko ubusika buqalisa kweli phondo,isebe lophuhliso lwezentlalo lilungiselela ukunceda uluntu oluhlelelekileyo,oluzakufuna uncedo ngelixesha. Isebe lethu lizakusebenza ngobambiswano kwakunye nezinye ii-arhente zikarhulumente ukuze kuthonyalaliswe ifuthe leentlekele kwabo bahlelelekileyo”,utshilo uMphathiswa uFernandez.

 

Ukanti isicwangciso seli sebe siquka iinkonzo zentlalo-ntle kumaziko akhathalela abantu abangenamakhaya nangamashumi amathathu anesixhenkxe. Ezi nkonzo zijoliswe ekubeni  kudityaniswe iintsapho nobonelelo lweenkonzo zenkxaso ngokwasengqondweni. UFernandez ubongoze uluntu ukuba nalo ludlale indima yalo. 

 

“Ndikhuthaza abahlali abanakho ukuba bazibandakanye ekuncedeni abo badinga uncedo kweli xesha lasebusika,nokuba bangasebenza bengajonganga nzuzo okanye banikele kwimibutho ebhalisiweyo, engekho phantsi korhulumente kweli phondo”,utshilo umphathiswa uFernandez.

 

Kulindeleke ukuba bathwaxeke ngokumandla abo bakwimimandla yamatyotyombe ngelixesha lasebusika-Umfanekiso:Linda Menziwa

 

Kusenjalo omnye wemibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente,nonjongo zawo ikukunceda abo bahlala ematyotyombeni iSouth African Inmates Human Right Development eKhayelitsha, uyaqhuba nokunyusa ingxowa-mali yokunceda abo bangamaxhoba eemvula zasebusika neempuphuma zeemvula. Umseki walo mbutho umnumzana Linda Menziwa uthi badinga inkxaso ukuze bancede amaxhoba. “Isidingo soncedo sininzi apha ematyotyombeni,kuyanetha,kungena amanzi ngaphantsi ezindlini zabantu. Ezinye izindlu zisemingxunyeni,badinga uncedo abantu kuba urhulumente ngulo ungancediyo okanye othatha ixesha lakhe ukuze ancede. Sidinga iingubo,iimpahla nee Soup Kitchen ngeli xesha lasebusika”,utshilo uMenziwa.              

gbv

UGCIS uzakubamba iphulo lokulumkisa ngempatho gadalala.

Ibhalwe nguNomaxabiso Mgqawule.

Iziganeko zempatho gadalala ejoliswe ngokwesini ezigqubayo kwisithili sase Khayelitsha kwisixeko sase Kapa zibangele ukuba iziko elijongene nezonxibelelwano eburhumenteni i-Government Communication and Information Systems(GCIS) aqhube iphulo elichasene nezi ziganeko. Ngomhla wesihlanu kuCanzibe kulo nyaka  iGCIS izakubhinqa omfutshane ingena umzi nomzana komnye wemimandla yesi sithili iSite C. Oku kuqinisekiswe ngumququzeleli wezonxibelelwano kwa GCIS umnumzana Sikelela Zokufa. “UGCIS edibene nabathabathi nxaxheba baseKhayelitsha ngomhla wesihlanu kule nyanga, ukusukela ngentsimbi yesithandathu kusasa  sizakube siphaya kwisikhululo seeTaxi eSite C apho sizakuba sithetha nabakweli malunga nalo mba”,utshilo uZokufa.

Woleke  ngelithi  esinye isiganeko esibothuse kakhulu seso samva nje  sokuhlaselwa ze kundlwengulwe abantu kwisakhiwo setyalike kummandla woogob’ityholo iTaiwan  eSite C kwinyanga ephelileyo.

“Sizakuphuma apho sisingise kummandla  waseTaiwan apho besikhe sabona okanye seva kusenzeka ukuba kukhe kwehla isiganeko esisothisileyo ngexesha lempela veki ende, apho bangena baxhaphaza abantu abangoomama. Singurhulumente sakuba silapho ukuya kufundisa nokulumkisa abantu malunga nobundlobongela”.

UZokufa ubongoze abahlali ukuba nabo bancedisane  ukulwa ezi ziganeko.

Ukanti usihlalo wenqwanqwa lamapolisa asekuhlaleni iCommunity Police Forum (CPF)kummandla wase Site B  eKhayelitsha umnuzana Phindile George uvakalise ukuba nabo bazakuba beyinxalenye yeli phulo. “Siyakwamkela ukuba yinxalenye yeli phulo lika GCIS nabanye abathabathi nxaxheba kumba wokulwa lo mkhwa wempatho-galala ejoliswe ngokwesini,simemelela lonke uluntu ukuba luphakame luwulwe lomkhwa,   umntu makangalindi isiganeko sehle kuye ukuze aphakame”.Utshilo oka George.

Uqhube wabongoza uluntu ukuba luncedise  ukulwa iziganeko ezikumila kunje.

Umnumzana George ugxeke esinyevulela kabukhali isiganeko sokuhlaselwa kwabantu zizaphuli mthetho ngethuba bekwindawo yokunqula.

Ukanti ummandla wase Khayelitsha nobambe indawo yesibini kwezona lokishi  zinkulu kwilizwe jikelele uchazwe njengomnye wemimamdla phala phambili kwiziganeko zolwaphulo mthetho kwisixeko sase Kapa.