Written By

Nomaxabiso Mgqawule

Photo by Sakhorn Saengtongsamarnsin

Uzakuthothoza entolongweni ngetyala lokubulala nokudlwengula ixhoba elineminyaka emine lase Khayelitsha.

Uthiwe nkaa isigwebio seminyaka engamashumi amahlanu ethothoza entolongweni yinkundla epakamileyo yamatyala yaseKapa uAndile Jamda oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala emva kokuba efunyanwe enetyala lokubulala nokudlwengula intwazana eneminyaka emine ubudala ngenyanga yeKhala ngomnyaka ka2018.Umzimba ka Uyathandwa Stuurman wafunyanwa unamanxeba okuhlatywa enqunyulwe umqala kwindawo yokulahla inkukhuma kufutshane netyotyombe lakhe eMakhaza eKhayelitsha.UJamda nowayesaziwa lixhoba waliloba ukuze lingene kwityotyombe lakhe ze walidlwengula ngaphambi kolkulibulala. Umkomishinala wamapolisa ephondweni uYolisa Mathakatha uqhwabele izandla abecuphi kweli tyala ndawonye negqiza labatshutshisi ebebechophele elityala esithi nezinye izaphuli mthetho zizakufunda isifundo kwesi sigwebo.

News Editor

Xolisa Sindaphi

Eli bali lisaqhubeka

You have successfully subscribed to Zibonele Newspaper

There was an error while trying to send your request. Please try again.

zibonele fm will use the information you provide on this form to be in touch with you and to provide updates and marketing.