Yambethwe ziziganeko zokugwintwa kwabantu iMacassar ngethuba likacimi-cimi

Abahlali bommandla waseMacassar bathi bahleli ngoloyiko nanjengoko izaphuli-mthetho zigqugqisa ngexesha lokucima kombane, kwesi sixeko seKapa. Oku kuza nanjengoko umzimba omnye uthe wabhaqwa ulahlwe kwindawo ekwiikhilomitha ezingamashumi amane ngaphandle kweKapa, kwimfumba yenkunkuma ehlathini ngoMgqibelo womhla wesithathu kweyeSilimela kulo umiyo. Ukanti oku kulandela ukufunyanwa kwemizimba emine nebikwalahlwe kula mmandla ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesixehenxe kwinyanga kaCanzibe.

 

Uceba wala wadi umnumzana Peter Helfrich uthi iMacassar ibijongene nengxaki yokucinywa kombane kwaye abophuli-mthetho basebenzisa eli thuba.

 

Uqhube wathi “le ndawo, nebonelelwa ngqo nguEskom, inyamezele ukucinywa kombane ixesha elide, ukongezelela ekucinyweni kombane, ngenxa yokusilela kweziseko zombane”

 

Nangona kunjalo, lo kaHelfrich uthumele imbalelwalo kuMongameli weli umnumzana Cyril Ramaphosa kwiiveki ezimbini ezidlulileyo emcela ukuba angenelele kwinqanaba eliphezulu lokucinywa kombane khon’ukuze kupheliswe lo mceli mngeni kacimi-cimi wombane bajongene nawo.

 

Ukongeza kwingxaki yokucinywa kombane, uHelfrich uthi isikhululo samapolisa sasekuhlaleni asinazo izixhobo ezaneleyo zokusebenza. Kusenjalo, kwimbalelwano yakhe eya kumongameli uthe, “ndikubhalela ndikwenye yezona ndawo zimnyama eMzantsi Afrika. Uluntu olujongene nokucinywa kombane ixesha elide kwiinyanga ezilishumi elinesibini ezidlulileyo. Uluntu oluthi ngezinye iimini lube nombane iiyure ezimbalwa ze ngezinye iintsuku alunawo kwaphela umbane”.

 

UHelfrich uvale ngelithi kubonakala ngathi amaxhoba ayingobahlali bala mmandla, koko abulawa kwenye indawo ze emva koko alahlwa kula mmandla.

Add a Comment

You must be logged in to post a comment