NguNomaxabiso Mgqawule
Nangona kubhengezwe ukonyuka kwezinga lentswela-ngqesho kwilizwe loMzantsi Afrika, kodwa isixeko saseKapa sona sithi siyakhuthazeka kukwehla kwezinga lentswela-ngqesho ngomyinge wesine ekhulwini (4%) rhoqo ngonyaka.Oku kudizwe nguSodolophu wesi sixeko, umnumzana Geordin Hill-Lewis.Uqhayise ngelithi, esi sixeko sinkqenkqeza phambili ngezinga eliphantsi lentswela-ngqesho kubo bonke oomasipala kodwa uthi nangona kunjalo usemninzi umsebenzi osafanele ukweziwa ukuqinisekisa ngokuhluma koqoqosho ukuze uluntu lwesi sixeko luphume kwindlala.
Ukanti iingxelo zamva nje zophando lokuqokelela iinkcukacha manani zekota yokuqala ukusukela kwinyanga yoMqungu neyokwindla kulo nyaka, zibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho kwisixeko saseKapa likumyinge wamashumi amabini anesithandathu ekhulwini .
“Injongo yethu kukwenza isixeko sibeyeyona ndawo yethemba ,nangona besebaninzi abantu bangaphangeliyo, ziyasikhuthaza ezi ngxelo zokwehla kwezinga le ntswela-ngqeso kanye ngelilixa ucimi-cimi wombane uthwaxa ngamandla uqoqosho lwethu”,utshilo okaHill-Lewis.Woleke ngelithi bafuna ukwenza isixeko sibeyeyona ndawo kulula ukwenza nayo ushishini kwilizwekazi i-Afrika.
Ukanti imanyano yabasebenzi iSouth African Federation of Trade Unions (SAFTU), ithi uqoqosho lweli lizwe luyafeda ukudala amathuba emisebenzi esisigxina. Le manyano ithi oku kubonakaliswe ziinkcukacha manani zamva nje zekota yokuqala yalo nyaka ezibonakalisa ukonyuka kwezinga lentswela-ngqesho kweli lizwe ngomyinge wesibini ekhulwini (2%).
Le manyano ikuutsho oku kwingxelo yayo ebhaliweyo eyikhuphele amajelo eendaba, isithi nangaphambili ngethuba kuphuma iingxelo zentswela-ngqesho zekota yesine ka2022 babetshilo ukuba eli lizwe lijamelene nentlekele yentswela-ngqesho nakulo nyaka iziphumo ziyangqinelana nentetho yabo.Iziphumo zalo nyaka zentswela- ngqesho zekota yokuqala ka2023 zibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho kweli lenyukile ukusuka ku32.7% ukuya ku32.9%